- Musani ukusunduzana. Izinto sanukuzenza ngokuzigwagwisa nangokuqhayisa. Ndaweni yaloo nto zithobeni, nibaphakamise kunani abanye abantu.
- Njengoko nimanywe noYesu Krestu izimvo zenu mazifane nezakhe.
- Nakuba ubume bakhe babunguThixo ngenkqu,
ukulingana noThixo akakubawelanga
kangangokude afune ukusunduzana naye.
Ndaweni yaloo nto waziqongqotha ubuyena,
wathatha isimo sesicaka,
waba ngumntu ncakasana.
Engumntu ebantwini,
wazambesa intobeko,
ntobeko leyo yamsa ekufeni –
ukufa kwasemnqamlezweni. - Kungoko ke athe uThixo wamphakamisa kakhulu,
wamthi jize ngelona gama lingaphezu kwawo onke amanye amagama,
ukuze bonke abaphilayo,
ezulwini, emhlabeni, naphantsi komhlaba,
bagobe amadolo benika imbeko kwigama likaYesu. - Bathi bebonke bavume bengafihlisi
ukuba uYesu Krestu yiNkosi,
bebonakalisa ubungangamsha bukaThixo onguBawo. - Yonke into enimelwe kukuyenza yenzeni ngaphandle kokukhalaza nokuxambulisana, niziphathe nyulu ningenagxeke, njengosapho lukaThixo olungabekwa bala phakathi kwabantu abakhohlakeleyo beli phakade. Khanyani phakathi kwabo njengeenkwenkwezi zikhanya esibhakabhakeni, nibanika iindaba zobomi.
Izihloko ezinxulumeneyo
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ubungcwele
Xa ke kanti, mawethu...
Ukuthobela
Waphendula uYesu wathi kuye...
Ukuzingca
Musani ukusunduzana. Izinto sanukuzenza...
Ukuthobeka
Nihlale nithobekile ngawo onke...
Ummelwane
Owesibini ke ngulo: ‘Uze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Imfundiso yam iza kuchaphaza njengemvula,itshone njengombeth' emhlabeni,
amazwi am awe njengomkhumezelo phezu kohlaza,
abe njengomvimbi phezu kotyani.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Xa ndandinxubile, ndixhalabile,wandithuthuzela, wandonwabisa wena.Ivesi elandelayo!
