DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

KWABASEKOLOSE 2

  • Ndifuna bahlale bomelele, bemanyene ngothando, ukuze bafikelele ekuqinisekeni ngokupheleleyo ngengqondo, beyiqiqa imfihlelo kaThixo. Loo mfihlelo ke nguKrestu ngenkqu.
  • Kuba kaloku ubume bobomi bukaThixo bukho ngokupheleleyo kuKrestu ongumntu; yaye ke nimanywe naye nje, niphiwe ubomi obupheleleyo. Kaloku yena yintloko: liphantsi kwakhe lonke igunya namandla.
  • Ngoko ke makungabikho bani unixoxisayo ngento emaniyitye, okanye niyisele, nangemisitho yokuthwasa kwenyanga neyoMhla wokuPhumla. Ezi zinto zazisisithunzi nje sento eyayilindelekile – inkqu yayo nguKrestu.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

UYesu ke waphuma nabafundi bakhe, wabasa ngaseBhetani; waza waphakamisa izandla zakhe, wabasikelela. Kwathi esabasikelela, wahlukana nabo, wanyuswa wasiwa ezulwini.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Oyedwa uyagaganyelwa, kodwa ababini banako ukumelana nohlaselo. Intsontelo ephindwe kathathu iqhawuka nzima.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela