DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

UMALAKI

  • “Izishumi ziziseni ziphelele endlwini enguvimba wam ukuze kubekho ukutya endlwini yam. Khanindivavanye kulo mbandela,” utsho uNdikhoyo onamandla onke, “nibone ukuba andiyi kuwavula na amasango ezulu, ndinithululele iintsikelelo, nditsho nangaphezu kokufuna kwenu.”
  • Ke kuni, nina balihlonelayo igama lam, ilanga lobulungisa liya kuphuma linempilo emaphikweni alo. Niya kukhululeka nidlobe njengamankonyana ephuma esibayeni.
  • UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ukuba aniphulaphuli nizimisele ngeentliziyo zenu ukulihlonela igama lam, ndiya kunithumela ishwangusha, nentsikelelo yenu ndiyenze ibe lishwangusha. Ngenene sendiqalile ukunishwabulela ngenxa yokuba ningazimiselanga ukundihlonela ngeentliziyo zenu.”
  • UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ngaloo mini ndikwenzayo oku bona baya kuba ngabantu bam abaxabisekileyo. Ndiya kuba nobubele kubo oku koyise onobubele kunyana wakhe osebenzisana kunye naye.”

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!
Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!
Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Umntu osifihlayo isono sakhe akabi nampumelelo;
kambe ke yena osivumayo, ahlukane naso, wenzelwa inceba.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela