- Yizani kum, nina nonke nisindwayo, nibulalekayo; ndoniphumza.
- Waza uYesu wathi: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo.”
- Kaloku xa nibaxolela abantu izigqitho zabo, uYihlo osezulwini wonixolela nani.
- Kuba apho bathe bahlangana khona egameni lam ababini nokuba ngabathathu, nam ndikho phakathi kwabo.
- Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza.
- Wonke ke umntu owevayo la mazwi am, aze awenze, unokufanekiswa nendoda eyingqondi, ethe yayakhela phezu kwesiseko samatye indlu yayo.
- Ke ngoko kuqala zondelelani ukulawulwa nguThixo, nenze ubulungisa obufunwa nguye, waye ke yena eya kunongezelela zonke ezi zinto.
- Khaniqwalasele iintaka. Azihlwayeli, azivuni, azigcini siseleni, kanti uYihlo osezulwini uyazondla. Ke, kungakanani na ukuxabiseka kwenu kunazo!
- Khaniye kufunisisa okokuba ithetha ukuthini na le ndawo eziBhalweni ithi: ‘Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo.’ Ke mna andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni.
- Ngenxa yoko musani ukulixhalela ingomso. Ingomso liya kuxhalela okwalo. Ziyanele imini nganye iingxaki zayo.
Izihloko ezinxulumeneyo
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
UBukumkani
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Izulu
Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
UTata
Bufana nomzali kubantwana ububele...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ingca iyatshaza, yona ke intyatyambo ibune,ke lona ilizwi loThixo wethu lohlala lihleli.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek' umoya;ewe, uya kukwalusa ungachukunyiswa nto.
Ngenene, uNdikhoyo uya kukwalusa,
xa uhambayo naxa ubuyayo,
kuqalela ngoku kude kube nini-nini.Ivesi elandelayo!