- Yizani kum, nina nonke nisindwayo, nibulalekayo; ndoniphumza.
- Waza uYesu wathi: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo.”
- Kaloku xa nibaxolela abantu izigqitho zabo, uYihlo osezulwini wonixolela nani.
- Kuba apho bathe bahlangana khona egameni lam ababini nokuba ngabathathu, nam ndikho phakathi kwabo.
- Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza.
- Wonke ke umntu owevayo la mazwi am, aze awenze, unokufanekiswa nendoda eyingqondi, ethe yayakhela phezu kwesiseko samatye indlu yayo.
- Ke ngoko kuqala zondelelani ukulawulwa nguThixo, nenze ubulungisa obufunwa nguye, waye ke yena eya kunongezelela zonke ezi zinto.
- Khaniye kufunisisa okokuba ithetha ukuthini na le ndawo eziBhalweni ithi: ‘Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo.’ Ke mna andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni.
- Khaniqwalasele iintaka. Azihlwayeli, azivuni, azigcini siseleni, kanti uYihlo osezulwini uyazondla. Ke, kungakanani na ukuxabiseka kwenu kunazo!
- Ngoko ke, xa nithandazayo, ze ningenzi milembelele ingento, njengabangakholwayo, bona baba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi.
Izihloko ezinxulumeneyo
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
UBukumkani
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Izulu
Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa...
UTata
Bufana nomzali kubantwana ububele...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ibuyiselo
Nayiphi na into eniyenzayo...