- Banoyolo abo bazilahlela kuThixo, kuba balawulwa nguThixo bona!
- Banoyolo abo basezintsizini, kuba baya konwatyiswa nguThixo bona!
- Banoyolo abo balambela banxanelwe ubulungisa, kuba baya kwaneliswa nguThixo bona!
- Banoyolo abo bantliziyo ihlambulukileyo, kuba baya kumbona uThixo bona!
- Banoyolo abo bangabaxolisi, kuba uThixo uya kuthi bangabantwana bakhe!
- Banoyolo abo batshutshiswayo ngokuba besenza ubulungisa, kuba balawulwa nguThixo bona!
- Ninoyolo nina xa bathe abantu baningcikiva ngenxa yam, benitshutshisa, bethetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka.
- Niyityiwa yehlabathi nina. Ke ukuba ityiwa ithe yaphelelwa sisongo, yothiwani na ukubuyiselwa isongo sayo? Ayisenamsebenzi; kuphela kukuba ilahlwe phandle, inyathelwe ngabantu.
- Nina nilukhanyiso lwehlabathi. Umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala.
- Kananjalo isibane asilunyekwa siqutyudelwe ngethunga; koko sixhonywa endaweni yaso, sikhanyisele bonke abasendlwini. Makukhanye ngokukwanjalo ukukhanya kwenu phambi kwabantu, ukuze bayibone imisebenzi yenu elungileyo, bamdumise uYihlo osezulwini.
- Ze ningabi ndize kuchitha umthetho kaMosis nomyalelo wabashumayeli bamandulo. Andizanga kuchitha; ndize kuzalisekisa.
- Inene, lingaphela izulu nehlabathi, kodwa akuyi kupheliswa nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kungathanga kwenzeka konke.
- Ke ngoko othe wajika nokuba mnye kule mithetho mincinane, wakufundisa abantu oko, kothiwa ungoyena mncinane kwabalawulwa nguThixo. Kanti ke othe wawenza umthetho, wawufundisa, woba newonga kwabalawulwa nguThixo.
- Nivile ukuba kwathiwa: ‘Uze ungakrexezi.’ Ke mna ndithi kuni, wonke umntu okhangela umntu obhinqileyo embawela, uselekrexezile entliziyweni yakhe.
- Ukuba iliso lakho lasekunene liyakulahlekisa, lincothule ulilahle. Kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni.
- Ke mna ndithi kuni, maningakhe nifunge nento le; nokuba lizulu, ngokuba likomkhulu likaThixo; nokuba lihlabathi eli, ngokuba lingamathânga akhe; nokuba yiJerusalem, ngokuba ngumzi weKumkani yeekumkani.
- Uewe wenu makabe nguewe, nohayi abe nguhayi. Okugqithe koko kuvela kongendawo.
- Ke mna ndithi kuni, zithandeni iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo.
- Njengoko uYihlo osezulwini anothando olugqibeleleyo, nani yibani ngabagqibeleleyo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Izulu
Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa...
UBukumkani
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Intshutshiso
Kambe intshutshiso yomfikela nawuphi...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!
Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye.