- Ke ngoko, xa sukuba usipha ihlwempu, uze ungemi phezu kwendlu umemeze, njengokuba besenjenjalo abahanahanisi ezindlwini zesikhungo nasezitalatweni, ukuze banconywe ngabantu. Inene, sebewufumene umvuzo wabo.
- Ke wena, xa sukuba usipha ihlwempu, masingakwazi isandla sakho sasekhohlo okwenziwa sisandla sakho sasekunene, ukuze ke izinwe zakho zingabonwa ngabantu, ze ke uYihlo obona okwenzeka emfihlekweni akuvuze yena ekuhleni.
- Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza.
- Ngoko ke, xa nithandazayo, ze ningenzi milembelele ingento, njengabangakholwayo, bona baba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi.
- Thandazani ke ngoko nina nithi:
“ ‘Bawo wethu osezulwini:
Malaziwe lihlonelwe igama lakho,
malongame ulawulo lwakho,
makwenziwe ukuthanda kwakho, emhlabeni njengasezulwini.”’ - Sibonelele kwiintswelo zethu zemihla ngemihla.
- Usixolele amatyala ethu,
njengokuba nathi sibaxolela abasonayo. - Ungasiyekeli ekulingweni,
koko sihlangule kumtyholi;
kuba ngenene nguwe olawulayo,
namandla ngawakho, nodumo, kude kube ngunaphakade! Amen. - Kaloku xa nibaxolela abantu izigqitho zabo, uYihlo osezulwini wonixolela nani.
- Xa ningabaxoleli abantu izigqitho zabo, noYihlo akayi kunixolela iziphoso zenu.
- Xa nizila ukutya, ze ningabi njengabo bazenzisayo, abazifanisa nabahluphekileyo. Kaloku babenza bubi ubuso babo, ukuze babonwe ngabantu ukuba bazilile. Inene, sebewufumene umvuzo wabo.
- Ke wena, xa uzilayo, uzungayeki ukuthambisa intloko yakho nokuhlamba ubuso bakho. Kothi ke ukuzila kwakho kungabonakali ebantwini, koko kubonakale kuYihlo ongabonwayo, aze yena uYihlo obona okwenzeka emfihlekweni akuvuze.
- Ze ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela aqhekezayo ebe. Koko ziqwebeleni ubutyebi ezulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angaqhekeziyo ebe.
- Kaloku apho bukhoyo ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.
- Akukho mntu unokukhonza iinkosi ezimbini, kuba uya kuyithiya le, ayithande leya, okanye abambelele kule, ayidele leya. Aninako ukukhonza uThixo kwanobutyebi.
- Kungoko ndithi kuni, musani ukubuxhalela ubomi benu nisithi notya ntoni, nisele ntoni. Kwanomzimba wenu ze ningawuxhaleli, nisithi niya kunxiba ntoni. Ubomi abungaphezulu na kokutyiwayo; wona umzimba awungaphezulu na kokunxitywayo?
- Khaniqwalasele iintaka. Azihlwayeli, azivuni, azigcini siseleni, kanti uYihlo osezulwini uyazondla. Ke, kungakanani na ukuxabiseka kwenu kunazo!
- Ke ngoko kuqala zondelelani ukulawulwa nguThixo, nenze ubulungisa obufunwa nguye, waye ke yena eya kunongezelela zonke ezi zinto.
- Ngenxa yoko musani ukulixhalela ingomso. Ingomso liya kuxhalela okwalo. Ziyanele imini nganye iingxaki zayo.
Izihloko ezinxulumeneyo
UTata
Bufana nomzali kubantwana ububele...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ibuyiselo
Nayiphi na into eniyenzayo...
Ukuthobeka
Nihlale nithobekile ngawo onke...
Uxolelo
Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa...
Ukuthanda izinto eziphathekayo
Kaloku zange size nanto...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Makuqukuqele ukunyaniseka njengomlambo,nobulungisa njengomsinga ongatshiyo.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?
Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,
khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam.Ivesi elandelayo!