- Musani ukugweba, ze nani ningagwetywa nguThixo.
- Yini na ukuba usibone isibi esiselisweni lowenu, kanti wona umqadi okwelakho iliso akuwuboni?
- Celani nophiwa, funani nofumana, nkqonkqozani novulelwa.
- Zonke izinto ke enifuna ukuba abantu bazenze kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo. Yiyo leyo ke intsingiselo yomthetho kaMosis nomyalelo wabashumayeli bamandulo.
- Ngenani ngesango elimxinwa, kungabi ngelibanzi, kuba abangena ngesango elibanzi, bahambe ngendlela ephangaleleyo, basinga entshabalalweni; yaye baninzi abenjenjalo. Ke abangena ngesango elimxinwa, bahambe ngendlela ecutheneyo, basinga ebomini; yaye bambalwa abenjenjalo.
- Balumkeleni abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.
- Asingabo bonke abathi kum: ‘Nkosi, Nkosi,’ abaya kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo; kuphela ngabayenzayo intando kaBawo osezulwini.
- Wonke ke umntu owevayo la mazwi am, aze awenze, unokufanekiswa nendoda eyingqondi, ethe yayakhela phezu kwesiseko samatye indlu yayo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Umgwebo
Nakuwe ke mntundini ugwebayo...
Isiprofeto
Ziphicotheni zonke izinto, nize...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ibuyiselo
Nayiphi na into eniyenzayo...