- Wathi kubo: “Ke nina nithi ndingubani?”
Waphendula uSimon Petros wathi: “Wena unguye uKrestu, uNyana kaThixo ophilayo.” - Nam ke, ndithi kuwe: UnguPetros, igama elithetha ulwalwa; ndiya kulakhela kolu lwalwa ke ibandla lam, kwaye namandla okufa akayi kuloyisa.
- Ndiya kukunika igunya kulawulo olutsha lukaThixo. Kuya kuthi okubophileyo emhlabeni, kubotshwe nasezulwini; kuthi nokukhululeyo emhlabeni, kukhululwe nasezulwini.
- Kuba othe wafuna ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo, kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa.
- Kaloku komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe? Okanye umntu angakhupha ntoni na exabisekileyo ukuze angàlahlekelwa bubomi bakhe?
Izihloko ezinxulumeneyo
Umhlaba
Musani ukulithanda ihlabathi, nezinto...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
uMesiya
Wathi kubo: “Ke nina...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Icawa
Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane...
Uluntu
Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ngubani loo Ngangalala yoKumkani?NguNdikhoyo onamandla onke;
nguye uKumkani, nguye iNgangalala.