- Wabaphendula wathi: “Aniyifundanga na eziBhalweni le ndawo ithi: ‘UMdali wabadala kwasekuqalekeni bayindoda nomfazi. Yiyo ke loo nto indoda ishiya uyise nonina nje, inamathele kumkayo, baze bamanyane’? Ke ngoko àbasebabini, koko banye. Abo ke uThixo abamanyileyo mabangahlulwa mntu.”
- Waza uYesu wathi: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo.”
- Uze ungabulali, uze ungakrexezi, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, beka uyihlo nonyoko, uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.
- UYesu wathi kuye: “Ukuba ufuna ukufeza konke ngokupheleleyo, hamba uye kuzithengisa zonke izinto onazo, wabele amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum ke, undilandele.”
- Waza uYesu wabakhangela wathi: “Abantu bona abanako ukuyenza le nto, kodwa yena uThixo unako ukuzenza zonke izinto.”
- Baninzi phofu abaya kuthi bengabokuqala babe ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.
Izihloko ezinxulumeneyo
Izulu
Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa...
Umtshato
Umntu ofumene umfazi uzuze...
Ngesondo
UThixo uthanda ukuba nibe...
Indalo
Ekuqaleni uThixo wadala izulu...
UBukumkani
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Abantwana
Waza uYesu wathi: “Bayekeni...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Nabani na ozigqatsayo kukhuphiswano uba phantsi kwengqeqesho engqongqo. Le nto uyayinyamezela khon' ukuze afumane isithsaba esibunayo. Kodwa thina siyenza siza kuzuza isithsaba esingagugiyo.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Xa ndandinxubile, ndixhalabile,wandithuthuzela, wandonwabisa wena.Ivesi elandelayo!
