- Niyabona, siya eJerusalem, apho uNyana woLuntu aya kunikelwa khona kubabingeleli abaziintloko nakubachazi-mthetho. Baya kumgwebela ukufa, bamnikele ezandleni zeentlanga. Zona ke ziya kumenza intlekisa, zimkatse, zimbethelele emnqamlezweni; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke ekufeni.
- Kodwa ke ze kungabi njalo phakathi kwenu. Ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu; nofuna ukuba ngowokuqala kuni, makabe sisicaka senu.
- Abe njengaye uNyana woLuntu, yena ongezanga kukhonzwa, koko oweza kukhonza nokuncama ubomi bakhe bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.
Izihloko ezinxulumeneyo
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Umbingelelo
Olona thando lukhulu umntu...
Ukukhonza
Ngoko ke, mawethu athandekayo...
iPasika
Isithunywa sathi kubafazi abo...
Uvuko
Waza wathi kuye uYesu...
Ukubethelwa emnqamlezweni
Izono zethu wazithathela kuye...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ubulumko ngoyena ndoqo, bufunisise!Fumana ingqiqo, nokuba kudle konke onako.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Lowo uhleli ekhuselwe nguPhezukonke,uhlala esemthunzini kaSomandla.
Yena uya kuthi: “Ndikhoyo, ungumkhuseli wam;
uyinqaba yam, wena Thixo, ndiya kuthembela kuwe.”Ivesi elandelayo!
