- Wuphulaphule umthandazo wam, Ndikhoyo;
sive isikhungo sam.
Wena uthembekile, ulilungisa; nceda undiphendule. - Ndizolulela kuwe izandla zam;
ndikunxanele njengomhlaba owomileyo. - Ububele bakho mandibuve kwakusasa;
kaloku mna ndikholosa ngawe.
Ndifundise indlela endifaneleyo;
kaloku mna ndizibika kuwe. - Wena unguThixo wam,
ngoko ke ndifundise ukuthanda kwakho.
UMoya wakho wobubele
makandikhokelele endleleni esisithabazi!
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Uthembekile
Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Ukwamkela
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo, kungaphezulu lee kunayo yonke imibingelelo namadini atshiswayo.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ewe, Ndikhoyo, bobakho bonke ubukhulu ndawonye namandla;naso isidima sikwasesakho, ubungangamsha nobunewu-newu.
Kaloku zezakho zonke ezisezulwini,
kanti nezisemhlabeni ikwazezakho.
Ewe, Ndikhoyo, lolwakho ulawulo;
uyingqanga-ngqanga evelele konke jikelele.Ivesi elandelayo!
