DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

INdumiso 25

  • Ndibonise indlela yakho, Ndikhoyo;
    ndifundise iindlela zakho.
  • Ndikhokelele enyanisweni yakho, undifundise.
    Kaloku nguwe, Thixo, umkhululi wam;
    ndihleli ndikulindele imini yonke.
  • Khumbula, Ndikhoyo, inceba yakho,
    nothando lwakho obukade unalo kwakudala.
    Ungazikhumbuli izono zobutsha bam,
    nokungathobeli kwam umthetho wakho;
    kanye ndazelelele ngothando olungagungqiyo,
    ngenxa yobubele bakho, Ndikhoyo.
  • UNdikhoyo unobubele, ulungile.
    Yiyo loo nto abafundisayo indlela yakhe aboni.
    Abathobekileyo ubakhokelela kokulungileyo,
    abafundise indlela yakhe abalulamileyo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ngamandla akhe uThixo usenzele zonke izinto eziyimfuneko ebomini, ukuze siziphathe ngokwentando yakhe; nokuze sazane nalowo usibizileyo, khon' ukuze sibuxhamle ubuqaqawuli nesidima sakhe.

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Waphendula ke esithi:
“Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe,
ade angavakalelwa ngowakhe umntwana?
Noba ke yena angade amlibale,
okokwam ke mna soze ndikufulathele,
kuba igama lakho ndilivambile,
ndilithe tyaba esandleni sam;
iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.”
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela