DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

INdumiso 25

  • Ndibonise indlela yakho, Ndikhoyo;
    ndifundise iindlela zakho.
  • Ndikhokelele enyanisweni yakho, undifundise.
    Kaloku nguwe, Thixo, umkhululi wam;
    ndihleli ndikulindele imini yonke.
  • Khumbula, Ndikhoyo, inceba yakho,
    nothando lwakho obukade unalo kwakudala.
    Ungazikhumbuli izono zobutsha bam,
    nokungathobeli kwam umthetho wakho;
    kanye ndazelelele ngothando olungagungqiyo,
    ngenxa yobubele bakho, Ndikhoyo.
  • UNdikhoyo unobubele, ulungile.
    Yiyo loo nto abafundisayo indlela yakhe aboni.
    Abathobekileyo ubakhokelela kokulungileyo,
    abafundise indlela yakhe abalulamileyo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Qondani kaloku nizikise ukuba uNdikhoyo uThixo wenu uyaniqeqesha njengomzali eqeqesha abantwana bakhe.

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Noba ungade ungadubuli umkhiwane,
umdiliya ungabi nazo neziqhamo,
nokuba awungevelisi nto umnquma,
namasimi ngokwawo angabi nasivuno,
zingade zingabikho iigusha esibayeni,
nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,
ewe, khona kungade kube njalo,
kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo,
ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela