DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

UHABHAKUKI 3

  • Noba ungade ungadubuli umkhiwane,
    umdiliya ungabi nazo neziqhamo,
    nokuba awungevelisi nto umnquma,
    namasimi ngokwawo angabi nasivuno,
    zingade zingabikho iigusha esibayeni,
    nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,
    ewe, khona kungade kube njalo,
    kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo,
    ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo.
  • Amandla am nguMhlekazi uNdikhoyo;
    uzenza iinyawo zam zibe njengezenxala;
    ngaye ndihamba kweziphezulu iindawo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ulodala iintaba, adal' umoya,
ulozityhilayo iinjongo zakhe eluntwini,
ulojik' umsobomvu kuvel' urhatyazo,
ulonyathela imimango ephakamileyo yomhlaba,
nguNdikhoyo uThixo onamandla onke igama lakhe.

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngoko ke, mawethu athandekayo, yomelelani ningathandabuzi. Yisebenzeleni ngenkuthalo iNkosi ngalo lonke ixesha, kuba kakade ukubulaleka kwenu ngenxa yeNkosi akunakulambatha.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela