- Noba ungade ungadubuli umkhiwane,
umdiliya ungabi nazo neziqhamo,
nokuba awungevelisi nto umnquma,
namasimi ngokwawo angabi nasivuno,
zingade zingabikho iigusha esibayeni,
nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,
ewe, khona kungade kube njalo,
kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo,
ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo. - Amandla am nguMhlekazi uNdikhoyo;
uzenza iinyawo zam zibe njengezenxala;
ngaye ndihamba kweziphezulu iindawo. - Uyabona, lowo ukhukhumeleyo unentliziyo embi enxaxhileyo;
ke yena olilungisa wophila ngokuthembeka kwakhe.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uvuyo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Ukuvuna
Ke uThixo obonelela umhlwayeli...
Ukuba nesiqhamo
Hayi ithamsanqa lomntu othembela...
Isiselo somdiliya
Hayi ke, yitya isonka...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Waza wathi kuye uYesu: “Ndim uvuko; ndim ubomi. Lowo ukholwayo kum wodla ubomi nokuba ebefile. Wonke odla ubomi ekholwa kum, soze afe naphakade. Ke wena ngaba uyakholwa koku?”Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Kambe ke bona abakholosa ngoNdikhoyobosuka bahlaziyeke bomelele.
Bosuka bantinge baxel' ukhozi;
noba sebebaleka, soze badinwe;
ewe, baya kuhamba bangaze batyhafe.Ivesi elandelayo!
