DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

UISAYA 54

  • “Ewe, iintaba zingadilika,
    ke zona iinduli zinyamalale,
    kodwa izibele zothando lwam soze zinqamke kuwe,
    nomnqophiso wam woxolo soze ushukume.”
    Utsho ke yena uNdikhoyo okukhathaleleyo.
  • “Nezo zixhobo zixonxwe ngenxa yakho soze zikutshabalalise,
    uya kumphendula nabani na okumangalelayo.
    Lilo ke elo ilifa lezicaka zikaNdikhoyo;
    ewe, mna ndozithi jize ngoloyiso.”
    Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo!

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Waza wathi kuye uYesu: “Ndim uvuko; ndim ubomi. Lowo ukholwayo kum wodla ubomi nokuba ebefile. Wonke odla ubomi ekholwa kum, soze afe naphakade. Ke wena ngaba uyakholwa koku?”

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Anazi na ukuba abakhohlakeleyo abayi kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo? Musani ukulahlekiswa: abarheletyi, nabakhonza izithixo, nabakrexezayo, nabafebayo, nabangamadoda alalanayo, nabangamasela, nababawayo, nabangamanxila, nabathukayo, nabazizikrelemnqa, abanakubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela