- Funani uNdikhoyo esenokufumaneka;
bhenelani kuye ngoku asekufutshane. - Umntu okhohlakeleyo makahlukane nobubi,
netshijolo maliyeke ukuyila ubutshijolo.
Maliguquke, lize kuNdikhoyo;
yena wosuka abe novelwano lilo.
Malize kuThixo wethu,
kuba yena uxolela kangangoko. - “Kaloku ingcinga zam azifani nezenu,
neendlela zenu azifani nezam,”
utsho yena uNdikhoyo! - Njengokuphakama kwezulu emhlabeni
ziphakamile neendlela zam kunezenu,
kanti ke zikwanjalo neengcinga zam. - Likwanjalo ke nelizwi endilithethayo:
alibuyi lilambatha,
koko liyawufezekisa umnqweno wam,
liliqaqambise icebo lam.
Izihloko ezinxulumeneyo
Iingcamango
Ndibhenela kuwe, Thixo wam...
Ukucwangcisa
Kunikele kuNdikhoyo konke okwenzayo...
Ukufuna
Nondifuna nindifumane, xa nindifuna...
Ukusondela
Niyabona, uNdikhoyo uba nani...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Uguqulo
Ukuba abantu bam abo...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ngoko ke sisondela singenaxhala kuThixo, sisazi ukuba uyasiphulaphula xa sicela silungele ukwenza loo nto athanda ukuba siyenze.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Umzimba nentliziyo zingade ziphelelwe,wona amandla am nguThixo, ulibango lam naphakade.Ivesi elandelayo!
