DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

UJEREMIYA 17

  • Hayi ithamsanqa lomntu othembela ngoNdikhoyo,
    lowo ukholosa ngaye!
    Unjengomthi otyalwe ngasemfuleni,
    ongcambu zinabela emanzini.
    Awoyiki naxa ilanga lishushu;
    amagqabi awo ahlala eluhlaza.
    Ngexesha lembalela awunaxhala;
    uhlala uvelisa iziqhamo.
  • Intliziyo yomntu inenkohliso ngaphezu kweento zonke.
    Akukho nto inokuyinyanga,
    kungekho bani uyiqondayo.
    Ndim, mna Ndikhoyo, umgocagoci weentliziyo zabantu,
    nomvavanyi weengcinga zabo.
    Ulowo ndimvuza ngokuziphatha kwakhe,
    ndimdlise iziqhamo zezenzo zakhe.
  • Ndiphilise, Ndikhoyo, ndiphile qete.
    Ndisindise, khon' ukuze ndisinde.
    Kaloku nguwe udumo lwam.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ngenani edyokhweni yam, nifunde kum, kuba mna ndilulamile, ndingontliziyo ithobekileyo. Nothi ke nizifumanele ukuphumla iintliziyo zenu, kuba idyokhwe yam ayityabuli, nomthwalo wam ulula.

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Kaloku, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye, ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye ngokumanywa noKrestu. Sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela