DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

UJEREMIYA 17

  • Hayi ithamsanqa lomntu othembela ngoNdikhoyo,
    lowo ukholosa ngaye!
    Unjengomthi otyalwe ngasemfuleni,
    ongcambu zinabela emanzini.
    Awoyiki naxa ilanga lishushu;
    amagqabi awo ahlala eluhlaza.
    Ngexesha lembalela awunaxhala;
    uhlala uvelisa iziqhamo.
  • Intliziyo yomntu inenkohliso ngaphezu kweento zonke.
    Akukho nto inokuyinyanga,
    kungekho bani uyiqondayo.
    Ndim, mna Ndikhoyo, umgocagoci weentliziyo zabantu,
    nomvavanyi weengcinga zabo.
    Ulowo ndimvuza ngokuziphatha kwakhe,
    ndimdlise iziqhamo zezenzo zakhe.
  • Ndiphilise, Ndikhoyo, ndiphile qete.
    Ndisindise, khon' ukuze ndisinde.
    Kaloku nguwe udumo lwam.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Hayi uyolo lwenu xa abantu bathe banithiya ngenxa yakhe uNyana woLuntu, benigxotha, beningcikiva, benihlamba okwabancanyiweyo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngaphezu koko ke hlalani nithandana, kuba kaloku uthando luyazingcwaba izono.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela