- Sonke ngabanye siyayenza impazamo amaxesha ngamaxesha. Ke yena umntu ongaphazamiyo ekuthetheni ugqibelele, uyakwazi ukuzilawula ngokupheleleyo.
- Imibulelo neziqalekiso zimpompoza mlonyeni mnye. Mawethu, mayingenzeki le nto!
- Ukuba bakho abantu abalumkileyo nabaqondayo phakathi kwenu, loo nto mabayibonakalise ngobomi obumsulwa, nangezenzo zentobeko nobulumko.
- Ke apho kukho umona nokuzigwagwisa kuba nguqulukubhode nazo zonke iintlobo zeentlondi.
- Kodwa ke bona ubulumko obuvela phezulu bumsulwa; bunolungelelwano, nobubele, buyazelelela. Bona bunovelwano, yaye buvelisa imisebenzi emihle; abunamkhethe naluhanahaniso.
- Ke bona abahlwayeli boxolo abaseluxolweni bavuna ubulungisa.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Ubulumko
Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko...
Uxolo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Ngokungenatyala
Ngulowo uhambo ingenabala, owenza...
Umzimba
Anazi na ukuba imizimba...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Kungenxa yale nto ke singethi mandla nje. Kaloku imo yethu entsha isuka ihlaziyeke ngokuhlaziyeka, nokuba imo yethu endala yona iya isonakala ngokonakala.Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Wena uyinqaba endizifihla kuyo;uyandikhusela xa ndisebunzimeni.
Undirhangqe ngosindiso lwakho;
ngoko ke ndimemelela ndinemincili.Ivesi elandelayo!