- Ingca iyatshaza, yona ke intyatyambo ibune,
ke lona ilizwi loThixo wethu lohlala lihleli. - Kanti ngaba awazi na?
Ngaba zange uve na?
UNdikhoyo nguThixo onguSonini-nanini;
yena ngumdali wehlabathi jikelele.
Yena soze adinwe atyhafe,
nengqiqo yakhe ayiphengululeki. - Yena ngumhlaziyi wâbo batyhafileyo,
umomelezi wâbo bangenamandla. - Kambe ke bona abakholosa ngoNdikhoyo
bosuka bahlaziyeke bomelele.
Bosuka bantinge baxel' ukhozi;
noba sebebaleka, soze badinwe;
ewe, baya kuhamba bangaze batyhafe.
Izihloko ezinxulumeneyo
Amandla
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
ILizwi likaThixo
Sonke isibhalo sinefuthe loMoya...
Ubuhle
Awumhle ngako, sithandwa sam!...
Indalo
Ekuqaleni uThixo wadala izulu...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Le miyalelo ndikunika yona namhlanje mayilawule bonke ubomi bakho. Uze uyibethelele ekufundiseni abantwana bakho, uthethe ngayo xa usekhaya, kanti noba useluhambeni, naxa ulalayo, ngokunjalo naxa uvukayo.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Xa ufuna ukuviwa ngabo basemagunyeniphatha umngena-ndlwini xa uya kubo.Ivesi elandelayo!
