DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

UISAYA 53

  • Abantu basidelile basibukula,
    saba ngumntu wenkxwaleko nentlungu.
    Saba njengalowo ufulathelwayo, engasiwa so;
    saba ngulowo udeliweyo, nathi asasikhathalela.
  • Kanti ngenene buthwelwe nguye ubuthathaka bethu,
    inkxwaleko yethu yâsemagxeni akhe.
    Ngenene thina besiba ubandezelekile,
    sisithi uyabethwa nguThixo.
  • Phofu ke ungxwelerhwe ngenxa yokukreqa kwethu;
    ewe, ubulewe ngenxa yobugwenxa bethu.
    Ukohlwaywa kwakhe kusiphathele uxolo;
    thina sinyangwe ngamanxeba akhe.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ndiya kuninika intliziyo entsha, ndiniphe nomoya omtsha; ndiya kuyikhupha kuni intliziyo eqaqadeke okwelitye, ndininike intliziyo yentobeko.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ke ngoko kuqala zondelelani ukulawulwa nguThixo, nenze ubulungisa obufunwa nguye, waye ke yena eya kunongezelela zonke ezi zinto.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela