- Ekuqaleni, kungekadalwa, wayeselekho uLizwi. ULizwi lo wayekunye noThixo, naye ngokwakhe enguThixo.
- Izinto zonke zadalwa ngaye; ngaphandle kwakhe akubangakho nto idaliweyo.
- Olu khanyiso lukhanya ebumnyameni; kwaye ubumnyama abuzange bukoyise ukukhanya kwalo.
- Kodwa bonke abâmamkeláyo, bezinikele kuye ngokupheleleyo, wabanika igunya lokuba ngabantwana bakaThixo.
- ULizwi ke waba ngumntu, waza wahlala phakathi kwethu. Sabubukela ubungangamsha bakhe awabunikwa nguYise, njengoko ekukuphela koNyana wakhe; ubungangamsha ke obuphuphuma ububele nenyaniso.
- Akukho namnye umntu owakha wambona uThixo. Abantu bamazi uThixo ngokumaziswa nguNyana okukuphela kwakhe, yena okwanguThixo, ohlala ehleli esenyongweni kuYise.
- Ke nam bendingamazi, kodwa lowo wandithumayo ukuba ndibhaptize ngamanzi, nguye owathi kum: ‘Lowo ùbone uMoya esihla phezu kwakhe, ahlale kuye, nguye obhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.’
Izihloko ezinxulumeneyo
ILizwi likaThixo
Sonke isibhalo sinefuthe loMoya...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
UTata
Bufana nomzali kubantwana ububele...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Indalo
Ekuqaleni uThixo wadala izulu...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Waza uYesu wathi: “Oko aba umntu akunakwenzeka, kunokwenziwa nguThixo.”Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ndikhoyo, wena unguThixo wam;ndosuka ndikuthuthe ndikudumise.
Kuthi mandikutyibele ndibongisele
ngenxa yemisebenzi yakho ekhamnqisayo;
kaloku ngokuthembeka okukhulu
wena zonke uzifezekisile –
nditsho izicwangciso zakho zamandulo.Ivesi elandelayo!