- Waza wathi kuye uYesu: “Ndim uvuko; ndim ubomi. Lowo ukholwayo kum wodla ubomi nokuba ebefile. Wonke odla ubomi ekholwa kum, soze afe naphakade. Ke wena ngaba uyakholwa koku?”
- Ndinixelele ezi zinto ukuze nibe noxolo, kuba nimanyene nam. Ehlabathini niya kubandezeleka; kodwa musani ukuxhalaba, kuba mna ndiloyisile ihlabathi.
- Olona thando lukhulu umntu anokuzithanda ngalo izihlobo zakhe kukuba ubomi bakhe abuncamele zona.
- Ndinishiya noxolo olulolwam, olungafani nakancinane nolweli hlabathi. Ze ningakhathazeki, ningoyiki.
- UYesu wathi kuye: “Bendingatshongo na kuwe okokuba uya kuwabona amandla kaThixo ukuba uyakholwa?”
- Asinini enanyula mna, ndim owaninyulayo nina. Ndanimisela okokuba niqhubele phambili, nivelise iziqhamo ezihlala zikho. Ke ngoko uBawo uya kuninika konke enithi nikucele egameni lam.
- Umyalelo endiniyala ngawo ngowokuba nithandane njengoko mna ndanithandayo.
- UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo kufuneka bamnqule ngoMoya benyanisekile.
- Kaloku uThixo ihlabathi ulithande kangangokuba ude wancama uNyana okuphela kwakhe, ukuze wonke umntu ozinikele kuye ngokupheleleyo angatshabalali, koko abe nobona bomi bungenasiphelo.
- Ke uMmeli uMoya oyiNgcwele, lowo uBawo aya kumthuma egameni lam, uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze ngako konke endithe ndanixelela kona.
Izihloko ezinxulumeneyo
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
UTata
Bufana nomzali kubantwana ububele...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Umhlaba
Musani ukulithanda ihlabathi, nezinto...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Qiqa phambi kokuba ubeke unyawo lwakho endleleni,ukuze ihambo yakho iqiniseke.