- Nindibiza ngokuthi: ‘Mfundisi,’ okanye: ‘Nkosi’. Niyakholisa ukutsho, kuba kunjalo.
- Ke ngoko, ukuba mna endiyiNkosi noMfundisi wenu, ndithe ndahlamba iinyawo zenu, nani ke nimelwe kukuhlambana iinyawo.
- Ndithi kuni, inene, akukho sicaka singaphezu kwenkosi yaso, kungekho nothunyiweyo ongaphezulu kwalowo umthumileyo.
- Inene, lowo umamkelayo endimthumileyo, wamkela mna; ke owamkela mna, wamkela lowo undithumileyo.
- Ndiniwisela umthetho omtsha, ndithi: Thandanani! Njengoko ndinithandileyo mna, nani thandanani kanye ngolo hlobo.
- Ukuba niyathandana, bonke baya kuqonda okokuba ningabafundi bam.
Izihloko ezinxulumeneyo
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ukuthobeka
Nihlale nithobekile ngawo onke...
Ukukhonza
Ngoko ke, mawethu athandekayo...
Ummelwane
Owesibini ke ngulo: ‘Uze...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ubukhoboka
UKrestu wasikhulula ukuze sibe...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Kuba kungaye sikho nje, sisuka-suka, siphilile. Kunjengoko zitshoyo ezinye zeembongi zenu ukuthi: ‘Nathi siyinzala yakhe.’Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Kambe ke bona abakholosa ngoNdikhoyobosuka bahlaziyeke bomelele.
Bosuka bantinge baxel' ukhozi;
noba sebebaleka, soze badinwe;
ewe, baya kuhamba bangaze batyhafe.Ivesi elandelayo!
