- Nindibiza ngokuthi: ‘Mfundisi,’ okanye: ‘Nkosi’. Niyakholisa ukutsho, kuba kunjalo.
- Ke ngoko, ukuba mna endiyiNkosi noMfundisi wenu, ndithe ndahlamba iinyawo zenu, nani ke nimelwe kukuhlambana iinyawo.
- Ndithi kuni, inene, akukho sicaka singaphezu kwenkosi yaso, kungekho nothunyiweyo ongaphezulu kwalowo umthumileyo.
- Inene, lowo umamkelayo endimthumileyo, wamkela mna; ke owamkela mna, wamkela lowo undithumileyo.
- Ndiniwisela umthetho omtsha, ndithi: Thandanani! Njengoko ndinithandileyo mna, nani thandanani kanye ngolo hlobo.
- Ukuba niyathandana, bonke baya kuqonda okokuba ningabafundi bam.
Izihloko ezinxulumeneyo
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Ukuthobeka
Nihlale nithobekile ngawo onke...
Ukukhonza
Ngoko ke, mawethu athandekayo...
Ummelwane
Owesibini ke ngulo: ‘Uze...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ubukhoboka
UKrestu wasikhulula ukuze sibe...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Banoyolo abo bayithobelayo imfundiso kaNdikhoyo,abayilulamelayo ngomxhelo wabo wonke.
Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Lungaziphatha kanjani ulutsha ukuze ihambo yalo ibe nyulu?Ngokuthobela ilizwi lakho.Ivesi elandelayo!
