- Nize nikhumbule ukuba ohlwayela kancinane uvuna kancinane, ohlwayela kakhulu avune isivuno esikhulu.
- Elowo ke makanikele kangangoko agqibe ngako, engenasikrokro, engaziva enyanzelekile, kuba uThixo uthanda umntu opha ngobubele.
- Kaloku unako uThixo ukunipha nangaphezu kweemfuneko zenu, ukuze nisoloko nanele kwiimeko zonke, nibe nako ukuhlangabezana nayo yonke imisebenzi emihle.
- Ke uThixo obonelela umhlwayeli ngembewu nangesonka, uya kunibonelela nani ngembewu eniyisweleyo, ayikhulise inivelisele isivuno esihle ngokobubele benu.
- Nohlala nanele ukuze nikwazi ukusoloko ninezinwe, khon' ukuze uThixo abulelwe ngabantu abaninzi ngenxa yezipho zenu abazifumana kuthi.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukupha
Elowo ke makanikele kangangoko...
Isisa
Umntu ophayo uba nenkqubela...
Ukuvuna
Ke uThixo obonelela umhlwayeli...
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Uvuyo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Intliziyo
Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Waza uYesu wabakhangela wathi: “Abantu bona abanako ukuyenza le nto, kodwa yena uThixo unako ukuzenza zonke izinto.”Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Mfo wam, yithobele imimiselo oyinikwa nguyihlo,ungazityesheli neziluleko zikanyoko.Ivesi elandelayo!
