- Nize nikhumbule ukuba ohlwayela kancinane uvuna kancinane, ohlwayela kakhulu avune isivuno esikhulu.
- Elowo ke makanikele kangangoko agqibe ngako, engenasikrokro, engaziva enyanzelekile, kuba uThixo uthanda umntu opha ngobubele.
- Kaloku unako uThixo ukunipha nangaphezu kweemfuneko zenu, ukuze nisoloko nanele kwiimeko zonke, nibe nako ukuhlangabezana nayo yonke imisebenzi emihle.
- Ke uThixo obonelela umhlwayeli ngembewu nangesonka, uya kunibonelela nani ngembewu eniyisweleyo, ayikhulise inivelisele isivuno esihle ngokobubele benu.
- Nohlala nanele ukuze nikwazi ukusoloko ninezinwe, khon' ukuze uThixo abulelwe ngabantu abaninzi ngenxa yezipho zenu abazifumana kuthi.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukupha
Elowo ke makanikele kangangoko...
Isisa
Umntu ophayo uba nenkqubela...
Ukuvuna
Ke uThixo obonelela umhlwayeli...
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Uvuyo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Intliziyo
Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ubulungisa buyasiphakamisa isizwe;ke sona isono lihlazo nakwesiphi na isizwe.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ngoko ke ndinawe, sukoyika;ndinguThixo wakho, sukuphakuzela.
Ndiza kukomeleza ndikusize,
amandla am asindisayo akuxhase akukhusele.Ivesi elandelayo!