- Hayi ubukhulu bothando lukaThixo uYise kuthi! Uthando lwakhe lukhulu kangangokuba ude athi uThixo singabantwana bakhe. Kambe ke singabo ngenene. Yiyo loo nto lingasiqondi nje ihlabathi; noThixo kaloku alimazi.
- Bahlobo bam, singabantwana bakaThixo ngoku, kodwa ke into esiya kuba yiyo ayikacaci. Siyazi kambe ukuba akufika uKrestu siya kufana naye, kuba soba simbona njengoko anjalo. Wonke umntu oneli themba kuKrestu uzenza nyulu kanye njengokuba noKrestu enyulu.
- Umntu owenza isono waphula umthetho kaThixo. Isono kaloku kukwaphula umthetho.
- Umntu ongumoni ufuze uSathana, yena wonayo kwasekuqaleni. UNyana kaThixo ke wezela kanye into yokuba abhangise umsebenzi kaSathana.
- Kaloku sanikwa lo myalelo wokuba sithandane kwasekuqaleni.
- Inkqu yothando siyibona kule nto yokuba uKrestu anikele ubomi bakhe ngenxa yethu. Ngokunjalo ke nathi sifanele ukuba sibunikele ubomi bethu ngenxa yamawethu.
- Ukuba umntu omi kakuhle ngezinto zobu bomi ubona uwabo eswele, aze amvimbe into engamncedayo, angatsho njani loo mntu ukuba unalo uthando lukaThixo entliziyweni yakhe?
- Bantwana bam, uthando lwethu malungabi lolomlomo nje kuphela, koko malube lolungahanahanisiyo, lubonakaliswa ngezenzo.
- Ewe, zihlobo zam, xa singalahlwa sisazela asibi naxhala phambi koThixo. Zonke izinto esizicelayo kuye, siyazifumana; kuba kaloku siyayifezekisa imiyalelo yakhe, siyenze intando yakhe.
- Wonke umntu oyithobelayo imiyalelo kaThixo umanyene noThixo, noThixo uhlala kuye. Into ecacisa ukuba uThixo uhlala kuthi nguMoya lo asinike yena.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Ummelwane
Owesibini ke ngulo: ‘Uze...
Abantwana
Waza uYesu wathi: “Bayekeni...
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
UTata
Bufana nomzali kubantwana ububele...