- InguNdikhoyo nje ondikhanyiselayo,
inguye nje ondisindisayo, ndingoyika ntoni?
InguNdikhoyo nje inqaba yam, ndingoyika bani? - Nokuba ndingade ndingqongwe ngumkhosi,
andiyi kuba naluvalo konke.
Nokuba ndirhawulwe yimfazwe,
ndiya kuthembela ngoNdikhoyo. - Ndinqwenela into enye kuphela kuNdikhoyo,
ndaye ndifuna yona kanye:
le yokuba ze ndihlale kwaNdikhoyo yonke imihla yobomi bam,
ndiqwalasele ubuhle bakhe, ndimfune endlwini yakhe. - Ngenene ndobuxhamla kambe ububele bukaNdikhoyo
lo gama ndisadla amazimba. - Thembela kuNdikhoyo; yomelela, ube nesibindi!
Ewe, thembela kuNdikhoyo wena!
Izihloko ezinxulumeneyo
Thembela
Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho...
Ukhuseleko
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Uloyiko
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Ukukhanya
Khawuvuke! Vuka, Jerusalem! Khanya!...
Intliziyo
Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Kaloku bonke bonile; bayalabalaba kubuqaqawuli ababulungiselelwe nguThixo. Kanti ke uThixo uyabababala abantu; ubenzela isisa: nangona bengafanelanga ubagwebela ngaye uYesu Krestu obakhululayo.Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Kambe ke bona abakholosa ngoNdikhoyobosuka bahlaziyeke bomelele.
Bosuka bantinge baxel' ukhozi;
noba sebebaleka, soze badinwe;
ewe, baya kuhamba bangaze batyhafe.Ivesi elandelayo!