DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Ivesi elingokungenamkhethe malunga neminqweno

Aba bantu ke bagqwethe inyaniso kaThixo ngobuxoki. Bahlonela isidalwa, basikhonze, baze bamlibale uMdali, yena ongowokubongwa ngonaphakade. Amen. Ngenxa yoko ke, uThixo ubanikele ezinkanukweni ezilihlazo. Ewe, nditsho namabhinqa la abo ayalalana ngokuchasene nendalo yemizimba yawo. Kwangokunjalo namadoda akuyekile ukulala namabhinqa, aza atshiswa kukukhanukana. Amadoda enza amanyala kwamanye amadoda, aze ke afumane isohlwayo esiwafaneleyo, esiyimbuyekezo yokulahleka kwawo. Ekubeni ke bengakukhathalelanga ukuhlala bemazi uThixo, yena wabayekela kwezo ngcinga zabo zingcolileyo, baza benza izinto ezingafanelekanga.

Ingcaciso

Ngalo lonke ixesha eli phepha liphinda likhutshelwa, kuboniswa enye indinyana yeBhayibhile ekhuthazayo. Cofa kwiqhosha elithi 'Ivesi elandelayo' ukuze uphinde ulayishe iphepha!

Ngaba ukhangela ukuthanda kukaThixo?

Ungazama ukubuza umbuzo kuThixo ngomthandazo omfutshane, kwaye ucofe iqhosha elithi 'Ivesi elandelayo'. Usenokufumana nje impendulo kwiLizwi laKhe...