DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

KUMAHEBHERE 4

  • Usabalindele ke ngoko abantu bakaThixo omnye umhla wokuphumla. Nabani na kaloku ongenayo ekuphumleni noThixo, uyaphumla kwimicimbi yakhe, njengoko noThixo waphumlayo kweyakhe.
  • Ngoko ke masizimisele ukuya kuphumla noThixo. Makungabikho bani ungathobeliyo, hleze naye aphulukane nokuphumla njengoko baphoswayo kuko ngenxa yokungeva kwabo.
  • Ilizwi likaThixo liyaphila, liyasebenza. Libukhali ngaphezu kwekrele elibazwe macala. Lihlabanisela liye kuthi xhokro embindini, phakathi komzimba nomphefumlo, nasekudibaneni kwamathambo nomongo. Liyazihluza lizicalu-calula iingcamango neminqweno yabantu.
  • Kaloku owethu umbingeleli omkhulu ngosivelayo ebuthathakeni bethu, kuba walingwa ngeendlela zonke njengathi, kodwa zange one.
  • Masisondele ke ngoko singenadyudyu apho ahleli khona esihlalweni sokulawula uThixo wethu onenceba; apho sakwenzelwa khona ububele nesisa, sincedakale ngoku kuselithuba.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Umbingelelo owufunayo, Thixo, yintliziyo ethobekileyo.
Intliziyo ethobekileyo neguqukayo, wena Thixo, akuyideli.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

I-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ububele bakho mandibuve kwakusasa;
kaloku mna ndikholosa ngawe.
Ndifundise indlela endifaneleyo;
kaloku mna ndizibika kuwe.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela