- Masingalali buthongo ke thina njengabanye abo; masiphaphe, singanxili.
- Ngoko ke, njengoko senenjenjalo kakade, khuthazanani, nakhane omnye nomnye.
- Makungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi, kodwa maxa onke zamani kangangoko ninako ukulungiselelana, nibanceda bonke abantu.
- Vuyani maxa onke, nithandaze njalo-njalo. Nakuyiphi na imeko bulelani. UThixo uthanda ukuba nenjenjalo njengokuba nimanywe noKrestu Yesu nje.
- Ziphicotheni zonke izinto, nize ninyamekele leyo ilungileyo. Nayiphi na into embi yityesheleni.
- Uthembekile lo unibizayo; uya kuyenza yonke le nto.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ububi
Musa ukoyiswa bububi; boyise...
Ukhuseleko
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ukuzibamba
Umntu owoyiswayo kukuzilawula usesichengeni...
Ukuphela kwexesha
Sanukuvuma nilahlekiswe mntu. Kaloku...
Ukhuthazo
Kambe ke bona abakholosa...
Ukufunda
Ndokwazisa indlela omawuhambe ngayo...