- Mbonge uNdikhoyo, moya wam!
Mandimbonge uNdikhoyo ngomxhelo wam wonke! - UNdikhoyo unenceba nesisa;
uqumba kade, yimvuze-mvuze enobubele. - Ulogxoth' izono zithi qelele kuthi
njengempumalanga nentshonalanga. - Bufana nomzali kubantwana
ububele bukaNdikhoyo kwabamnik' imbeko. - Ke zon' izibele zikaNdikhoyo zivelela abamhloneleyo;
uhlala enobubele kwizizukulwana ngezizukulwana,
kwabanyanisekileyo kumnqophiso wakhe
nabathobela imithetho yakhe.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ubungcwele
Xa ke kanti, mawethu...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umphefumlo
Niya kuthi ke nakumfuna...
Dumisani
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Ubabalo
Masisondele ke ngoko singenadyudyu...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba ubani kuni uba usisilumko kweli hlabathi, makabe “sisidenge” ukuze abe sisilumko ngenene.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ungaze wahlukane nentembeko nokunyaniseka.Maxa onke ezi zinto mazibe sisivatho entanyeni yakho.
Ewe, zikrole elucwecweni lwentliziyo yakho.
Ukuba uyayenza ke loo nto uya kuhlala wamkelekile,
ube negama elihle kuThixo nasebantwini.Ivesi elandelayo!
