- Kambe ke mna ndijonge kuNdikhoyo;
ewe, ndikholosa ngoThixo olusindiso lwam.
UThixo wam yena uya kundiva. - Kodwa nguwuphi uThixo onjengawe?
Nguwuphi oxolela ubugwenxa,
angazihoyi iziphoso zamasalela elifa lakhe?
Wena akuhlali uqumbile ngonaphakade;
kaloku uyimvuze-mvuze bububele. - Ukuxelelwe, mntundini, oko kulungileyo –
nditsho oko uNdikhoyo akufunayo kuwe:
kukwenza ngobulungisa, uthande ububele,
uhambe ngokuthobileyo kunye noThixo wakho. - Nangoku wobuya uvelane nathi,
izono zethu uzinyathele ngeenyawo,
uzilahle lee iziphoso zethu,
uzintywilisele enzulwini yolwandle. - Kambe ke nawe, Bhetelehem yase-Efrata,
udeleke unjalo kwizindlu zakwaJuda,
kanti ke kwalapha kuwe ndiza kuvelisa
lowo uya kuba ngumlawuli kaSirayeli,
omveli yakhe isukela kwamandulo,
kwimihla yasephakadeni.
Izihloko ezinxulumeneyo
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Uxolelo
Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
Ukuphulaphula
Khumbulani le nto, zihlobo...
Inceba
Masisondele ke ngoko singenadyudyu...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ngoko ke ligxothe ixhala entliziyweni yakho,ukuphephe okunokwenzakalisa umzimba wakho.
Kaloku ubutsha namandla awo ngamampunge.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ungaze wahlukane nentembeko nokunyaniseka.Maxa onke ezi zinto mazibe sisivatho entanyeni yakho.
Ewe, zikrole elucwecweni lwentliziyo yakho.
Ukuba uyayenza ke loo nto uya kuhlala wamkelekile,
ube negama elihle kuThixo nasebantwini.Ivesi elandelayo!
