- Kambe ke mna ndijonge kuNdikhoyo;
ewe, ndikholosa ngoThixo olusindiso lwam.
UThixo wam yena uya kundiva. - Kodwa nguwuphi uThixo onjengawe?
Nguwuphi oxolela ubugwenxa,
angazihoyi iziphoso zamasalela elifa lakhe?
Wena akuhlali uqumbile ngonaphakade;
kaloku uyimvuze-mvuze bububele. - Ukuxelelwe, mntundini, oko kulungileyo –
nditsho oko uNdikhoyo akufunayo kuwe:
kukwenza ngobulungisa, uthande ububele,
uhambe ngokuthobileyo kunye noThixo wakho. - Nangoku wobuya uvelane nathi,
izono zethu uzinyathele ngeenyawo,
uzilahle lee iziphoso zethu,
uzintywilisele enzulwini yolwandle. - Kambe ke nawe, Bhetelehem yase-Efrata,
udeleke unjalo kwizindlu zakwaJuda,
kanti ke kwalapha kuwe ndiza kuvelisa
lowo uya kuba ngumlawuli kaSirayeli,
omveli yakhe isukela kwamandulo,
kwimihla yasephakadeni.
Izihloko ezinxulumeneyo
Isono
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
Uxolelo
Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
Ukuphulaphula
Khumbulani le nto, zihlobo...
Inceba
Masisondele ke ngoko singenadyudyu...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ndaweni yaloo nto yenzelanani ububele ninobulali, nixolelane, kwanjengokuba naye uThixo wanixolelayo ngoKrestu.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho wonke,ungaze ungqiyame ngezakho iimbono.
Mkhumbule uNdikhoyo kuyo yonke ihambo yakho,
waye ke yena eya kukukhokela kuzo zonke iindlela zakho.Ivesi elandelayo!
