- Waza wathi uYesu: “Sukundibamba, kuba andikenyuki ndiye kuBawo. Hamba uye kuxelela abahlobo bam ukuba sendinyuka, ndisiya kuBawo okwanguYihlo, uThixo wam okwanguThixo wenu.”
- Kambe ke, unguTata, wena Ndikhoyo.
Ke thina siludongwe;
wena ke ungumbumbi,
thina singumsebenzi wezandla zakho. - Njengoko anyuselwe ewongeni kuThixo, wamkele uMoya oyiNgcwele, lowo wathenjiswayo nguYise. Le nto ke niyibonayo niyivayo ngoku kukugalelwa kwaloo Moya kuthi.
- Ke wena, xa sukuba usipha ihlwempu, masingakwazi isandla sakho sasekhohlo okwenziwa sisandla sakho sasekunene, ukuze ke izinwe zakho zingabonwa ngabantu, ze ke uYihlo obona okwenzeka emfihlekweni akuvuze yena ekuhleni.
- Ndakuba ndifikile kuBawo, ndonithumela uMmeli onguMoya wenyaniso ovela kuBawo. Xa athe wafika yena, wongqina ngam.
- Inene, okholwayo kum uya kuzenza izinto endizenzayo, ade enze nezinkulu kunezi, kuba ndiya kuBawo.
- Wadanduluka ke uYesu ngezwi elikhulu, wathi: “Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam!” Akuba etshilo, waphuma umphefumlo.
- Kaloku uNyana woLuntu selesiza, esebuqaqawulini boYise, enezithunywa zakhe. Akufika uya kubabuyekeza bonke ngabanye ngokwezenzo zabo.
- Lumkani, ningadeli namnye waba bancinane. Ndithi kuni, izithunywa zabo ezulwini zihlala ziphambi koBawo osezulwini.
Izihloko ezinxulumeneyo
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Izulu
Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa...
Umhlaba
Musani ukulithanda ihlabathi, nezinto...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ibuyiselo
Nayiphi na into eniyenzayo...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
NguNdikhoyo inqaba yokuzimela abacinezelwayo;nguye ikhusi ngamaxesha eembandezelo.
