- Ewe, Ndikhoyo, undigoca-gocile, uyandazi.
Wena undazi ukusuka nokuhlala;
iingcamango zam uziqonda zingekaveli. - Kaloku wena wazi ndingekathethi;
ewe, Ndikhoyo, wazi nento endiza kuyithetha. - Ndingamzimela ndithini uMoya wakho?
Ndingasabela phi apho ungekhoyo khona?
Ukuba ndingenyukela emazulwini, ndingafika ukho;
nokuba ndingalala kwelabafileyo, ukho nalapho. - Andithi na kaloku ndadalwa nguwe;
nditsho mna kanye lo!
Ewe, wandixonxa wandilunga-lungisa kwandisekumama.
Ndikubonga ndikubulela ngenxa yomntu endinguye,
ngenxa yokumangalisa nokukhwankqisa kwento endiyiyo.
Ewe, iyakhamnqisa kambe imisebenzi yakho.
Leyo ke into ndiyiqonde pheleleyo. - Ndibhenela kuwe, Thixo wam:
khawundigoca-goce, undiphicothe, undiqondisise;
ndivavanye uziqonde iingcamango zam!
Ndiqwalasele, hleze ndithi kanti ndiphambukile;
undikhokelele kwindlela eyeyona-yona.
Izihloko ezinxulumeneyo
Iingcamango
Ndibhenela kuwe, Thixo wam...
Ukuqonda
Khala kum, ndikuphendule, ndikwazise...
Ukufuna
Nondifuna nindifumane, xa nindifuna...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
USomandla
Ewe, Ndikhoyo, bobakho bonke...
Umoya
INkosi le ke nguMoya...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Le miyalelo ndikunika yona namhlanje mayilawule bonke ubomi bakho. Uze uyibethelele ekufundiseni abantwana bakho, uthethe ngayo xa usekhaya, kanti noba useluhambeni, naxa ulalayo, ngokunjalo naxa uvukayo.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu kwazo zonke ezinye yintliziyo yakho,kuba yona ingumthombo wobomi.Ivesi elandelayo!
