- Thembela kuNdikhoyo wena, wenze okulungileyo;
uya kuba sisima-mhlaba, ube nekamva. - Zonwabise ngokululamela uNdikhoyo;
wokunika umnqweno wentliziyo yakho. - Zilahlele kuNdikhoyo, ukholose ngaye;
yena ke wokwenzelelela.
Wobutyhila bukhanye njengelanga ubulungisa bakho,
kucace mhlophe ukulunga kwakho. - Zola phambi koNdikhoyo, ulindele kuye,
ungazidubi ngabantu abaphumelela ngamaqhinga. - Obo buncinanana linabo ilungisa,
bungcono kunentaphane ezinayo izikrelemnqa,
kuba uya kuzaphul' iimpondo uNdikhoyo izikrelemnqa,
awenzelelele wona amalungisa. - Izikrelemnqa ziboleka zingabuyisi,
ke lona ilungisa lipha ngesisa. - NguNdikhoyo okhokelela umntu kwindlela amakahambe ngayo;
nguye omenza akholeke kuye. - Kaloku uNdikhoyo uyakuthanda okulungileyo;
akayi kubafulathela abantu bakhe.
Wasoloko ebakhusela uNdikhoyo,
kodwa yona inzala yamatshijolo iyanqunyulwa.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Thembela
Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho...
Ukupha
Elowo ke makanikele kangangoko...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Imali
Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani...
Ukhuseleko
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ngenani edyokhweni yam, nifunde kum, kuba mna ndilulamile, ndingontliziyo ithobekileyo. Nothi ke nizifumanele ukuphumla iintliziyo zenu, kuba idyokhwe yam ayityabuli, nomthwalo wam ulula.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Wena uyinqaba endizifihla kuyo;uyandikhusela xa ndisebunzimeni.
Undirhangqe ngosindiso lwakho;
ngoko ke ndimemelela ndinemincili.Ivesi elandelayo!
