DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

INdumiso 42

  • Njengenxala elikhothekileyo kukunxanwa
    nam ndikwanjalo ukukulangazelela wena, Thixo.
  • Ewe, intliziyo yam iyakulangazelela, Thixo,
    nditsho wena Thixo ophilayo.
    Yaz'ba koda kube nini na
    ukuze ndide ndibe nonxibelelwano nawe, Thixo?
  • Iziziba ezinzongo-nzongo ziyamemezana
    ngokukrotsha kweengxangxasi zakho.
    Amaza eze ngendlu yawo,
    ngokunjalo kwaneempuphuma.
    Ewe, ziwugubungele umphefumlo wam.
  • Kambe ke, ngeny' imini, Ndikhoyo,
    luya kubalasela uthando lwakho.
    Ndiya kuphikelela ndikudumise ebusuku,
    ndithandaze kuThixo endixhomekeke kuye.
  • Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?
    Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?
    Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,
    khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Iintakana ezincinci azithengiswa zibe ntlanu na ngeesenti ezimbini? Kanti akukho nanye kuzo elityelweyo nguThixo. Kwaneenwele ezi zeentloko zenu zibaliwe zonke. Ke musani ukoyika: nixabisekile kuneentakana ezininzi nina.

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek' umoya;
ewe, uya kukwalusa ungachukunyiswa nto.
Ngenene, uNdikhoyo uya kukwalusa,
xa uhambayo naxa ubuyayo,
kuqalela ngoku kude kube nini-nini.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela