- Njengenxala elikhothekileyo kukunxanwa
nam ndikwanjalo ukukulangazelela wena, Thixo. - Ewe, intliziyo yam iyakulangazelela, Thixo,
nditsho wena Thixo ophilayo.
Yaz'ba koda kube nini na
ukuze ndide ndibe nonxibelelwano nawe, Thixo? - Iziziba ezinzongo-nzongo ziyamemezana
ngokukrotsha kweengxangxasi zakho.
Amaza eze ngendlu yawo,
ngokunjalo kwaneempuphuma.
Ewe, ziwugubungele umphefumlo wam. - Kambe ke, ngeny' imini, Ndikhoyo,
luya kubalasela uthando lwakho.
Ndiya kuphikelela ndikudumise ebusuku,
ndithandaze kuThixo endixhomekeke kuye. - Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?
Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?
Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,
khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam.
Izihloko ezinxulumeneyo
Umphefumlo
Niya kuthi ke nakumfuna...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Iminqweno
Nantsi ke into endithetha...
Ukusondela
Niyabona, uNdikhoyo uba nani...
Ukufuna
Nondifuna nindifumane, xa nindifuna...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Waza wathi kuye uYesu: “Ndim uvuko; ndim ubomi. Lowo ukholwayo kum wodla ubomi nokuba ebefile. Wonke odla ubomi ekholwa kum, soze afe naphakade. Ke wena ngaba uyakholwa koku?”Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Umzimba nentliziyo zingade ziphelelwe,wona amandla am nguThixo, ulibango lam naphakade.Ivesi elandelayo!
