DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Izulu (3/3)

  • Ndive ilizwi elikhulu, livela ngasesihlalweni sokulawula, lisithi: “Uyasibona esi sixeko? Kulapho uThixo ahlala khona nabantu. Uya kuhlala phakathi kwabo, babe yimilowo yakhe, yena abe nguThixo wabo. UThixo ngenkqu uya kuhlala nabo. Uya kubosula zonke iinyembezi. Akusayi kubuye kubekho kufa, nalusizi, nasikhalo, nazintlungu. Kaloku lidlule ilizwe lokuqala.”
  • Banoyolo abo bazilahlela kuThixo, kuba balawulwa nguThixo bona!
  • Ke mna ndithi kuni, maningakhe nifunge nento le; nokuba lizulu, ngokuba likomkhulu likaThixo; nokuba lihlabathi eli, ngokuba lingamathânga akhe; nokuba yiJerusalem, ngokuba ngumzi weKumkani yeekumkani.
  • Ke yona iMini yeNkosi iya kufika njengesela ingalindelekanga. Ngaloo mini amazulu aya kutsho ngenzwinini yengxolo, aze ke wona aphel' emehlweni. Ngokunjalo neziseko zawo ziya kutshiswa ngumlilo ziphele. Wona umhlaba nako konke okukuwo kuya kusala kuze; uya kunyamalala.
  • Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nobutyebi obufihlwe entsimini, waza ubani wabubhaqa, wabugqumelela kwakhona, wathi, evuya kakhulu, waya kuthengisa konke anako, wayithenga loo ntsimi.