- Besakhangele ukumka kwakhe, bondele esibhakabhakeni apho, nango amadoda amabini, ambethe ezimhlophe, emi ngakubo, abuza athi: “Madoda, maGalili, nimele ntoni apha nikhangele phezulu nje? UYesu lo nimbone enyuselwa ezulwini, uya kubuya kwangolu hlobo nimbone esimka ngalo.”
- Lowo woyisileyo uya kuba nenxaxheba ebhotwe. Kaloku nam ndoyisa ndaza ndafumana inxaxheba yokungqendeva noBawo ebhotwe.
- Ndiya kukunika igunya kulawulo olutsha lukaThixo. Kuya kuthi okubophileyo emhlabeni, kubotshwe nasezulwini; kuthi nokukhululeyo emhlabeni, kukhululwe nasezulwini.
- Kuvumeni nikwamkele ukuba uNdikhoyo unguThixo wamazulu nehlabathi. Akukho Thixo wumbi ngaphandle kwakhe.
- UYesu wathi kuye: “Ukuba ufuna ukufeza konke ngokupheleleyo, hamba uye kuzithengisa zonke izinto onazo, wabele amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum ke, undilandele.”
- Emva kokuthetha nabo, iNkosi uYesu yanyuselwa ezulwini, yaya kuhlala ewongeni kwaThixo.
- Noko ke sanukuvuyela ukoyisa kwenu iindimoni, vuyani kuba amagama enu ebhaliwe kwaThixo.
- Ekuqaleni uThixo wadala izulu nomhlaba. Kwakuselubala nje emhlabeni, kungekho nto ikhoyo. Inzonzobila yamanzi eyayigubungele konke yayithiwe gqume sisithokothoko sobumnyama. UMoya kaThixo wafukama phezu kwaloo manzi.
- Wathetha nje ngelizwi, akho amazulu,
wadala ilanga, inyanga, noozinkwenkwezi. - Lowo woyisileyo wovatha ezimhlophe. Andisoze ndilicime igama lakhe kuludwe lwamagama abo baphilayo. Kaloku ndiya kumvuma ukuba ungowam phambi kukaBawo nezithunywa zakhe.
- Inkulu ngokungenambaliso imfihlelo yonqulo lwethu. Kaloku uKrestu Yesu:
Wavela ngesimo sobuntu
waza wangqinelwa nguMoya,
wabonwa zizithunywa zezulu.
Washunyayelwa ezizweni,
wamkelwa lihlabathi,
waza wawongwa ezulwini. - Ndiyanixelela ukuba ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo ezulwini nangomoni omnye oguqukayo kunamashumi alithoba anethoba lamalungisa angaswelanga nguquko.
- Ekufikeni komhla wePentekoste babehlangene ndawonye bonke. Ngesaquphe beva isandi esingathi kukuza komoya omkhulu, uvuthuza esibhakabhakeni. Sayizalisa indlu ababehleli kuyo isandi eso.
- Ndingamzimela ndithini uMoya wakho?
Ndingasabela phi apho ungekhoyo khona?
Ukuba ndingenyukela emazulwini, ndingafika ukho;
nokuba ndingalala kwelabafileyo, ukho nalapho. - Kungoko ke athe uThixo wamphakamisa kakhulu,
wamthi jize ngelona gama lingaphezu kwawo onke amanye amagama,
ukuze bonke abaphilayo,
ezulwini, emhlabeni, naphantsi komhlaba,
bagobe amadolo benika imbeko kwigama likaYesu. - Awu, Thixo, zimaseka phezulu esibhakabhakeni;
isidima nesihomo sakho masibe phezu kwehlabathi jikelele. - Ukususela ngoko uYesu washumayela esithi: “Guqukani, kuba ulawulo lukaThixo lusemnyango.”
- Thandazani ke ngoko nina nithi:
“ ‘Bawo wethu osezulwini:
Malaziwe lihlonelwe igama lakho,
malongame ulawulo lwakho,
makwenziwe ukuthanda kwakho, emhlabeni njengasezulwini.”’ - UThixo wethu usemazulwini;
yena wenza loo nto ayithandayo. - Ke ngoko othe wajika nokuba mnye kule mithetho mincinane, wakufundisa abantu oko, kothiwa ungoyena mncinane kwabalawulwa nguThixo. Kanti ke othe wawenza umthetho, wawufundisa, woba newonga kwabalawulwa nguThixo.
- Asingabo bonke abathi kum: ‘Nkosi, Nkosi,’ abaya kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo; kuphela ngabayenzayo intando kaBawo osezulwini.
- Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Krestu osibabale ngazo zonke izipho zoMoya zasezulwini, sakuba simanywe noKrestu.
- Ndim isonka esinobomi, esihlileyo sivela ezulwini. Ukuba ubani uthe wasitya esi sonka, wophila ngonaphakade. Isonka endiya kumnika sona ngumzimba wam, endiwunikelayo ukuze ihlabathi liphile.
- Inene, lingaphela izulu nehlabathi, kodwa akuyi kupheliswa nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kungathanga kwenzeka konke.
- Guqukani, kuba ulawulo lukaThixo lusemnyango!
Izihloko ezinxulumeneyo
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Umhlaba
Musani ukulithanda ihlabathi, nezinto...
UBukumkani
Anazi na ukuba abakhohlakeleyo...
uThixo
UNdikhoyo uThixo wakho unawe...
Ukunyuka
Akuba etshilo uYesu, wanyuselwa...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Nina, mawethu, nibizelwe enkululekweni. Kodwa ke inkululeko yenu mayingabi lokroba lokuba nilawulwe sisimo esidala. Ndaweni yaloo nto khonzanani niqhutywa luthando.Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Umntu osifihlayo isono sakhe akabi nampumelelo;kambe ke yena osivumayo, ahlukane naso, wenzelwa inceba.Ivesi elandelayo!