- Hlalani nithandana okwabantu abazalanayo. Zenzeleni ububele emakhaya iindwendwe. Ngokwenjenjalo abanye abantu kwathi kanti babuka izithunywa zezulu bengaqondi.
- Umtshato uxabisekile; mawuxatyiswe nguye wonke ubani. Amadoda nabafazi mabanyaniseke omnye komnye, bangasixabheli isilili sabo. Ingqumbo kaThixo ijinga phezu kwabo bakrexezayo kwakunye nabo barheletyayo.
- Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani yinto eninayo. Kaloku uThixo uthi: “Andiyi kukuyekela; ndingayi kukufulathela.”
- Masitsho singenadyudyu ke sithi:
“YiNkosi umncedi wam, andiyi koyika nto!
Angandenza ntoni umntu?” - UYesu Krestu lo wayizolo, usekwanguye nanamhla, nangomso, nanini nanini.
- UThixo onika uxolo, owayivusa ekufeni iNkosi yethu uYesu Krestu, waba nguyena malusi womhlambi, ngokuphalala kwegazi lomnqophiso ongasoze utshitshe, wanga anganomeleza ekwenzeni okulungileyo, khon' ukuze niyifeze intando yakhe. Wanga angasenza loo nto athanda ukuba sibe yiyo ngoYesu Krestu. Makadunyiswe uYesu Krestu ngonaphakade kanaphakade! Amen.
Izihloko ezinxulumeneyo
Thembela
Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ubulali
Bazeleleleni bonke abantu. INkosi...
Ummelwane
Owesibini ke ngulo: ‘Uze...
Iingelosi
Ngaba ùba andinako ukumcela...
Umtshato
Umntu ofumene umfazi uzuze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Isela lizele kuphela ukuba libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuba abantu babe nobomi, obona bupheleleyo.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Ungaze wahlukane nentembeko nokunyaniseka.Maxa onke ezi zinto mazibe sisivatho entanyeni yakho.
Ewe, zikrole elucwecweni lwentliziyo yakho.
Ukuba uyayenza ke loo nto uya kuhlala wamkelekile,
ube negama elihle kuThixo nasebantwini.Ivesi elandelayo!
