- Kaloku isiqhamo sokumelana nezilingo ngokholo lunyamezelo.
- Ke ukuba kukho bani uswele ubulumko, makabucele kuThixo. UThixo onobubele nesisa kubo bonke abantu, womnika.
- Kodwa ke loo mntu makacele ekholwa, engathandabuzi konke. Kaloku umntu othandabuzayo ufana namaza alatyuziswa ngumoya elwandle.
- Ikholwa elihlelelekileyo malivuye lakuphakanyiswa nguThixo. Nekholwa elimi kakuhle nalo malizidle lakuthotywa nguThixo. Kaloku kwanesinhanha esi sithi shwaka njengentyatyambo esendle.
- Unoyolo lowo uzinyamezelayo izilingo, kuba kaloku, lakudlula uvavanyo, uya kuzuza umvuzo obubomi uThixo abuthembise abo bamthandayo.
- Makungabikho mntu uthi ulukuhlwe nguThixo xa ahendwayo. UThixo akoyiswa bububi kaloku; yaye akalingi mntu yena.
- Konke ukupha naso sonke isipho esifezekileyo sivela phezulu kuThixo, umdali wezikhanyiso zesibhakabhaka. Yena akaguqu-guquki aphinzi-phinzize.
- Wathi akuthanda uThixo wasizala ngokutsha ngelizwi lenyaniso, saza ke saba lulibo lwayo yonke indalo yakhe.
- Khumbulani le nto, zihlobo zam: Wonke ubani makakhawuleze ukuva; kodwa makangakhawulezi ukuthetha, angakhawulezi nokucaphuka.
- Yahlukanani nemikhwa emibi nehambo engcolileyo. Mlulameleni uThixo, namkele ilizwi lakhe alifake kuni ezintliziyweni. Lilo elinamandla okunisindisa.
- Musani ukuzikhohlisa ngokuliphulaphula nje qha ilizwi likaThixo. Endaweni yaloo nto nina yenzani oko likuthethayo.
- Kodwa loo mntu uthi awucoselele ukuwugcina umthetho osinika inkululeko, lowo uthe rhoqo ukuhamba ngawo engaphulaphuli nje aze alibale, lowo wosikelelwa nguThixo ngokwenjenjalo.
- Ewe, umntu angázicingela ukuba ulikholwa; kodwa uyazikhohlisa ukuba akakwazi ukulawula ulwimi lwakhe. Ingamampunge nje into yokuba ulikholwa.
- Inkolo enyanisekileyo nengenachaphaza kuThixo uBawo yile: kukubonelela iinkedama nabahlolokazi abahluphekileyo, nokuphepha ukudyojwa lihlabathi.
Izihloko ezinxulumeneyo
Isilingo
Nasiphi na isilingo esikuhlelayo...
Ukuphulaphula
Khumbulani le nto, zihlobo...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ngokungenatyala
Ngulowo uhambo ingenabala, owenza...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Makuqukuqele ukunyaniseka njengomlambo,nobulungisa njengomsinga ongatshiyo.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Umntu ophayo uba nenkqubela;ukuba ùyabanceda abanye abantu nawe uya kuncedwa.Ivesi elandelayo!