- Akukho nto ifihliweyo ingayi kudizwa, nanto igqunyiweyo ingayi kwaziwa.
- Ngenxa yoko kothi enikuthethe ebumnyameni kuviwe ekuhleni, nenikusebeze ngasese kukhwazwe phandle.
- Iintakana ezincinci azithengiswa zibe ntlanu na ngeesenti ezimbini? Kanti akukho nanye kuzo elityelweyo nguThixo. Kwaneenwele ezi zeentloko zenu zibaliwe zonke. Ke musani ukoyika: nixabisekile kuneentakana ezininzi nina.
- Wathi kubo: “Kulumkeleni konke ukubawa, kuba ubomi bomntu abuxhomekekanga ebuninzini bezinto anazo.”
- Musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi notya ntoni na; ningawuxhaleli nomzimba wenu, nisithi nonxiba ntoni na. Ubomi bungaphezulu kunokutya, nomzimba ungaphezulu kunesinxibo.
- Qondani ngamahlungulu la. Wona akahlwayeli, engavuni nokuvuna; akanasisele, engenavimba; kanti noko uThixo uyawondla! Ke nina nibeke phi na ukuxabiseka kuneentaka!
- Musani ukoyika, mhlambi omncinane, kuba kukholekile kuYihlo ukunamkelela kulawulo lwakhe olutsha.
- Ke isicaka esingaqondiyo sisuke senze okufanelwe yimivumbo, siya kubethwa ibe mbalwa. Kubo bonke abanikwe okuninzi, kuya kufunwa okuninzi; nakulowo unikwe ngokungaphezulu, kuya kubizwa ngokungaphezulu.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ixabisekile
Kum uxabisekile ke kambe...
Uloyiko
Ngoko ke ndinawe, sukoyika...
Ukwaneliseka
Ndiyazana nokuswela, kanti ke...
Ukukhathazeka
Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo...
Ukutya
Andithi kaloku uyamanelisa onxaniweyo...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Mfo wam, ndingonwaba kakhuluxa ingqondo yakho idlamkile.
Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Waphendula ke esithi:“Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe,
ade angavakalelwa ngowakhe umntwana?
Noba ke yena angade amlibale,
okokwam ke mna soze ndikufulathele,
kuba igama lakho ndilivambile,
ndilithe tyaba esandleni sam;
iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.”Ivesi elandelayo!
