DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

UMIKA

  • Kambe ke mna ndijonge kuNdikhoyo;
    ewe, ndikholosa ngoThixo olusindiso lwam.
    UThixo wam yena uya kundiva.
  • Kodwa nguwuphi uThixo onjengawe?
    Nguwuphi oxolela ubugwenxa,
    angazihoyi iziphoso zamasalela elifa lakhe?
    Wena akuhlali uqumbile ngonaphakade;
    kaloku uyimvuze-mvuze bububele.
  • Ukuxelelwe, mntundini, oko kulungileyo –
    nditsho oko uNdikhoyo akufunayo kuwe:
    kukwenza ngobulungisa, uthande ububele,
    uhambe ngokuthobileyo kunye noThixo wakho.
  • Nangoku wobuya uvelane nathi,
    izono zethu uzinyathele ngeenyawo,
    uzilahle lee iziphoso zethu,
    uzintywilisele enzulwini yolwandle.
  • Kambe ke nawe, Bhetelehem yase-Efrata,
    udeleke unjalo kwizindlu zakwaJuda,
    kanti ke kwalapha kuwe ndiza kuvelisa
    lowo uya kuba ngumlawuli kaSirayeli,
    omveli yakhe isukela kwamandulo,
    kwimihla yasephakadeni.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Akuba etshilo uYesu, wanyuselwa ezulwini, bejongile abafundi bakhe. Lamsitha ilifu, ababa sambona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Waza uYesu wathi: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo.”Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela