DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Dumisani (2/2)

  • Ndakusazi isigwebo sakho esingenagobe,
    ndiya kukuncoma ngenene nangenyaniso.
  • Kwesi sithuba ke uYobi waphakama, wakrazula umnweba wakhe, wayigugula intloko yakhe, waza ke wee guqaqa wanqula, wathi:
    “Ndazalwa nguma ndizé, ndaye ke ndiya kunduluka ndikwazé.
    NguNdikhoyo onikayo, ikwanguye nothathayo.
    Malidunyiswe igama likaNdikhoyo!”
  • Wena Thixo woobawo, ndiyakudumisa,
    ndikubulela kuba wena undizimasile.
    Undithe jize ngobulumko namandla.
    Nangoku wena undityhilele,
    wawuphendula umthandazo wethu.
    Ewe, usityhilele le nto ifunwa ngukumkani.
  • Imibulelo neziqalekiso zimpompoza mlonyeni mnye. Mawethu, mayingenzeki le nto!
  • Abelusi ke babuyela emihlambini yabo, becula bedumisa uThixo ngenxa yazo zonke izinto ababezivile bazifumana zinjengoko zazixeliwe.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Wathi kuye uYesu: “Oo, uthi: ‘Ukuba ndinako;’ – zonke izinto zinokwenzeka kokholwayo.”

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Kodwa ke, emva kwezo mbandezelo zomzuzwana, uThixo umthombo wesisa owanibizayo ngokumanywa kwenu noKrestu, khon' ukuze nibe nenxaxheba kubuqaqawuli bakhe obungapheliyo, uya kunihlaziya anomeleze, anixhobise, nime ngxishi.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela