- Athembekile la mazwi athi:
“Ukuba sife simanyene naye, sodla ubomi kwakunye naye.” - Andiyishiyanga imiyalelo yemilebe yomlomo wakhe;
andenzanga ngokufuna kwam, koko ndiwathobele amazwi akhe. - Imfundiso yam iza kuchaphaza njengemvula,
itshone njengombeth' emhlabeni,
amazwi am awe njengomkhumezelo phezu kohlaza,
abe njengomvimbi phezu kotyani. - Ke kaloku uMosis wahlala apho iintsuku ezingamashumi amane engatyi engaseli. Amazwi omnqophiso wawabhala apho emacwecweni, oko kukuthi imithetho elishumi.
- Abantu abaninzi balwamkela olu daba, baza babhaptizwa. Baba ngamawaka amathathu abantu abongezelelwayo enanini labo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ukuthobela
Waphendula uYesu wathi kuye...
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Ukuphulaphula
Khumbulani le nto, zihlobo...
Ukukhuselwa
Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Akuba umntu emanywe noKrestu uba yindalo entsha – isimo esidala yinto yezolo, sekuqaleke isimo esitsha.Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Noba sewucand' emanzini,mna ndiya kuba nawe;
noba sowuwela imilambo,
ayisoze ibe nako ukukukhukulisa;
nditsho sowucand' emlilweni, soze urhawuke;
amadangatye akanakukutshisa wena.Ivesi elandelayo!
