- ULizwi ke waba ngumntu, waza wahlala phakathi kwethu. Sabubukela ubungangamsha bakhe awabunikwa nguYise, njengoko ekukuphela koNyana wakhe; ubungangamsha ke obuphuphuma ububele nenyaniso.
- Ndakuba ndifikile kuBawo, ndonithumela uMmeli onguMoya wenyaniso ovela kuBawo. Xa athe wafika yena, wongqina ngam.
- Kodwa ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke. Ukuba andithanga ndemka, akayi kuza kuni uMmeli; kodwa ukuba ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni.
- Ingqina elinyanisekileyo alibuthethi ubuxoki,
kodwa ke lona elixokayo liphuphuma lulwimi. - Khawundifundise iindlela zakho, Ndikhoyo,
khon' ukuze ndinamathele enyanisweni.
Ewe, ndifundise ukukuhlonela, Nkosi;
ndikunqule ndingankwalambisi. - Nina ningaboyihlo umtyholi, kwaye nithanda ukwenza intando yakhe. Yena wayesisibulala-mntu kwasekuqalekeni. Nenyaniso akayihoyanga, kuba akananyani. Usekhaya xa athetha ubuxoki, kuba yena ulixoki, usobuxoki kanye.
- Kaloku apho kukhoyo ukukhanya, kulapho kuntshula khona konke ukulunga, nabo bonke ubulungisa, nenyaniso.
- Mhlawumbi ningaxakwa, nithi: ‘Soluqonda njani na udaba ukuba alululo olukaNdikhoyo?’ Ukuba umshumayeli uthetha egameni likaNdikhoyo ize ingenzeki loo nto ayithethileyo, nomqonda ukuba udaba lwakhe aluphumi kuNdikhoyo, koko uyazithethela nje; ngoko ke sanukuziduba ngaye.
- Ke lowo ungowenyaniso uyeza ekukhanyeni, ukuze abonakale ngezenzo zakhe ukuba umthobele uThixo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukuxoka
UNdikhoyo uyamcaphukela umntu oxokayo...
Ukuthetha
Ukuthetha komntu kulawula ukuphila...
Ukunyaniseka
Bantwana bam, uthando lwethu...
ILizwi likaThixo
Ilizwi likaThixo liyaphila, liyasebenza...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...