DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

KUMAGALATI 5

  • UKrestu wasikhulula ukuze sibe ngabantu abakhululekileyo mpela! Ngoko ke yimani ngxishi ningahexi, ningavumi ukuphindela kwidyokhwe yobukhoboka.
  • Ukuba nifuna ukwamkeleka kuThixo ngokuthobela umthetho, nizahlukanisile noKrestu; ningaphandle kwesisa sikaThixo.
  • Kuba xa simanyene noKrestu, ukwaluka nokungaluki akubalulekanga, into ebalulekileyo lukholo olucaciswa luthando.
  • Nina, mawethu, nibizelwe enkululekweni. Kodwa ke inkululeko yenu mayingabi lokroba lokuba nilawulwe sisimo esidala. Ndaweni yaloo nto khonzanani niqhutywa luthando.
  • Kaloku umthetho xa uwonke ushwankathelwa ngomyalelo omnye othi: “Mthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.”
  • Nantsi ke into endithetha yona kuni: Ukuba nikhokelwa nguMoya kaThixo, aniyi kuzenza izinto ezinqwenelwa sisimo esidala.
  • Kaloku ezo zinto zinxamnye nezifunwa nguMoya, ukanti nezifunwa nguMoya zinxamnye nezinqwenelwa sisimo esidala. Zizombini zichasene ngohlobo lokuba ningabi nako ukuzenza izinto enisukuba nifuna ukuzenza.
  • Ke zona izinto ezibangwa sisimo esidala zicace mhlophe; nazi: ukurheletya, ukungcola, nobuhenyu; unqulo-zithixo, nobugqwirha; ubutshaba, imbambano, ubukhwele, iphuku, ukubawa, amayelenqe, nezahlukano; umona, ubunxila, nokuthanda iziyolo, njalo-njalo. Nangoku ke ndiyanilumkisa, njengoko besenditshilo ngaphambili, ukuba abo benza izinto ezinjengezi, soze babuxhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.
  • Nazi ke zona iziqhamo zoMoya: luthando, novuyo, noxolo; umonde, ububele, ukulunga, nentembeko; ubulali, nokuzeyisa. Awukho ke umthetho ochasa izinto ezinjengezi.
  • Ukuba ke sidla ubomi ngoMoya kaThixo, masilawulwe nguye ke.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Balumkeleni abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela