DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Ukhuthazo (2/2)

  • Ukuba ninolangazelelo, uThixo uyawamkela umnikelo wenu. Kaloku uThixo ufuna umntu aphe ngokobungakanani bezinto anazo, ingebubo obezinto angenazo.
  • Ndifuna bahlale bomelele, bemanyene ngothando, ukuze bafikelele ekuqinisekeni ngokupheleleyo ngengqondo, beyiqiqa imfihlelo kaThixo. Loo mfihlelo ke nguKrestu ngenkqu.
  • Abayi kulamba, abayi kunxanwa, abayi kugqatswa lilanga, bengayi kuva bushushu. Kaloku iXhwane elimi esazulwini sebhotwe liza kubalúsa, libaqhubele kwimithombo yamanzi aphilisayo. Wobasul' iinyembezi uThixo.
  • UNdikhoyo utsho ukuthi:
    “Mna ndingulowo ukuthuthuzelayo;
    ngani ke ukuba woyike umntu –
    into evuthuluka njengengca?”
  • Njengoko ziphuphumela kuthi iimbandezelo zikaKrestu, ngokunjalo ke, kwangaye uKrestu, iphuphumela kuni nentuthuzelo yethu.
  • Kaloku ndilangazelela ukunibona, ukuze ndinabele siphiwo sithile kwezoMoya, ukuze nomelezeke. Ndithetha ukuthi nina kunye nam sivuseleleke: nina ngokholo lwam, nam ke ngokholo lwenu.
  • Kaloku zonke izinto eziseziBhalweni zabhalelwa ukusifundisa, khon' ukuze sihlale sihleli sinethemba ngonyamezelo nenkuthazo esizifumana kuzo iziBhalo.