- Kaloku kufuneka nibe nomonde, ukuze niphumelele ukwenza ukuthanda kukaThixo, nisizuze nesithembiso sakhe.
- Abo besimo esonakeleyo banyamekela izinto zeso simo; ibe ke abo boMoya banyamekela izinto zoMoya.
- Umntu ozivalayo iindlebe zakhe kuwo umthetho kaThixo
kwaumthandazo wakhe uyanyanyeka kuThixo. - Ke lowo ungowenyaniso uyeza ekukhanyeni, ukuze abonakale ngezenzo zakhe ukuba umthobele uThixo.
- Iyandivuyisa intando yakho, Thixo wam;
umthetho wakho ndiwumilisele entliziyweni. - Mna ndingumdiliya wenene; umlimi wawo nguBawo. Onke amasebe akum angavelisi siqhamo uyawasusa; onke avelisa isiqhamo uyawathena, ukuze avelise isiqhamo ngakumbi.
- Hayi, ndabayalela ndisithi: ‘Liphulaphuleni ilizwi lam, khon' ukuze ndibe nguThixo wenu, nina nibe ngabantu bam. Ewe, hambani ngendlela yonke endinimisele yona, nize nilungelwe.’
- Ngokwenjenjalo ke uNdikhoyo uThixo wethu wasiyalela ukuba siyithobele le mimiselo simhlonele, size ke silungelwe bonke ubomi bethu, siphile njengokuba kunjalo namhlanje.
- UThixo ubavuza ngobomi obungonaphakade abo banomonde ekwenzeni imisebenzi emihle, belangazelela isidima newonga nokungafi.
- Bathi abantu kuYoshuwa: “Thina sokhonza uNdikhoyo uThixo wethu, siphulaphule ilizwi lakhe.”
Izihloko ezinxulumeneyo
Umthetho
Le miyalelo ndikunika yona...
Intsikelelo
Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa...
Ukuphulaphula
Khumbulani le nto, zihlobo...
Ukulandela
Ewe, hambani ngokwemimiselo yonke...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
ILizwi likaThixo
Sonke isibhalo sinefuthe loMoya...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Phaphani, nime zinzi elukholweni! Khaliphani, nomelele!Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Yintsikelelo kaNdikhoyo enika umntu ubutyebi;kambe ke yona ayihambi nazintsizi.Ivesi elandelayo!