DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

EYEZIQALO

  • Ekuqaleni uThixo wadala izulu nomhlaba. Kwakuselubala nje emhlabeni, kungekho nto ikhoyo. Inzonzobila yamanzi eyayigubungele konke yayithiwe gqume sisithokothoko sobumnyama. UMoya kaThixo wafukama phezu kwaloo manzi.
  • Uthe ke uNdikhoyo uThixo emva koko: “Akukuhle ukuba le ndoda ihlale ililolo. Kuhle ndiyenzele umlingane onokuncedisana nayo.”
  • Wawuthamsanqelisa umhla wesixhenxe, wawumisa wangumhla okhethekileyo, kuba ngaloo mhla wayeselegqibile ukudala.
  • Wathi uThixo makubekho ukukhanya. Kwabakho ukukhanya.
  • Wamdala ke uThixo umntu. Wamenza wangumfuziselo wakhe. Wadala umntu oyindoda kwakunye nomntu obhinqileyo.
  • Umqondiso walo mnqophiso endikwenzela wona kunye nazo zonke izinto eziphilayo, ngumnyama oya kubakho esibhakabhakeni. Nguwo lowo umqondiso womnqophiso ongasoze ujike endiwenzela abantu nalo lonke elimiweyo.
  • UNdikhoyo uThixo udale umfazi ngolo bambo waluthathayo endodeni, wamsa kuyo.
    Ithe ke indoda: “Nanku ke oyena-yena! Lithambo lamathambo am, nenyama yeenyama zam. Kuya kuthiwa ngumfazi, kuba uthathwe kumfo.” Yiyo ke loo nto indoda imshiya uyise nonina, inamathele kumkayo, baze babe mntu mnye.
  • Ndithi andisobe ndizitshabalalise ngemvula kwakhona izinto eziphilayo. Ilizwe alisobe liphinde lipheliswe ngemvula. Ngumnqophiso wam lowo.
  • Ndininika zonke izityalo ezithwala iinkozo elizweni, kunye nemithi ethwala iziqhamo. Zoba kukutya kwenu ezo zinto.
  • Waza ke uThixo wathi: “Masenze umntu abe ngumfuziselo wethu, afane nathi. Makabe negunya, alawule iintlanzi elwandle, iintaka ezibhabha esibhakabhakeni, iinkomo, nazo zonke izilo nezinambuzane elizweni.”

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ngokukwanjalo noMoya uyasixhasa ekusweleni kwethu amandla, kuba kaloku asiyazi eyona ndlela singathandaza ngayo. Kodwa ke kweso singqala sethu sikhohliwe uMoya ngokwakhe uyasithethelela.

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ke iNkosi ayikubambezeli ukuzalisekiswa kwesithembiso esenzileyo, njengoko abanye baba kunjalo. Nto nje ininyamezele kuba ingafuni kutshabalale mntu. Koko ifuna wonke ubani afumane ithuba lokuguquka.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela