DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Iivesi zeBhayibhile malunga nesonka

  • Wathi kubo uYesu: “Ndim isonka sobomi. Ozayo kum akasoze alambe, nokholwayo kum akasoze anxanwe.”
  • Waphendula yena wathi: “IziBhalo zithi: ‘Umntu akaphili ngasonka sodwa; uphila ngamazwi onke athethwa nguThixo.’”
  • Hayi ke, yitya isonka sakho wonwabile, usele iwayini yakho uchwayitile entliziyweni, kuba ngoku lithuba elikholekileyo kuThixo lokuba wenze oko.
  • Wathatha isonka ke, wabulela, wasiqhekeza, wabanika esithi: “Ngumzimba wam lo onikelwa ngenxa yenu. Oku kwenzeleni ukundikhumbula.
  • Ke uThixo obonelela umhlwayeli ngembewu nangesonka, uya kunibonelela nani ngembewu eniyisweleyo, ayikhulise inivelisele isivuno esihle ngokobubele benu.
  • Sibonelele kwiintswelo zethu zemihla ngemihla.
  • Ndim isonka esinobomi, esihlileyo sivela ezulwini. Ukuba ubani uthe wasitya esi sonka, wophila ngonaphakade. Isonka endiya kumnika sona ngumzimba wam, endiwunikelayo ukuze ihlabathi liphile.
  • Imihla ngemihla babehlangana rhoqo endlwini kaThixo, babuye batye kunye emakhaya bechwayitile bebelezelana, bembonga uThixo, bamkelekile kubantu bonke. Mihla le uThixo wayelongeza inani labo ngabo basindiswayo.
  • Wanithoba eniyekela ngendlela, waza kananjalo wanipha imana, kutya oko naningakwazi, nina ngokunjalo nooyihlo-mkhulu. Le nto ke wayenza kuba efuna niqonde nazi ukuba ubomi bomntu abuxhomekanga kutyeni kuphela, koko buxhomekeke kuwo onke amazwi kaNdikhoyo.
  • Ezithathile ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, ukhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza, wamana enika abafundi bakhe ukuba babele isihlwele. Badla ke bahlutha bonke, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezilishumi elinambini zokutya okuseleyo.
  • Babehlangana rhoqo, bedlelana ngokuphulaphula iimfundiso zabathunywa, nangokuqhekeza isonka, nangokuthandaza.
  • Kwathi uYesu ecanda emasimini ngoMhla wokuPhumla, abafundi bakhe basuka bakha izikhwebu zengqolowa. Bathi ke kuye abaFarasi: “Khawutsho, kungani na ukuba abafundi bakho benze okungavumelekanga ngoMhla woPhumlo?” Uthe ke yena kubo: “Anizange nikufunde na awakwenzayo uDavide, mhla walamba engenanto ityiwayo, yena neqela lakhe? Kaloku wangena endlwini kaThixo ngemihla ka-Abhiyatare umbingeleli omkhulu, wazitya izonka ezazinikelwe kuThixo, wanika neqela lakhe. Kanti ngokomthetho ezi zonka azimelwe kutyiwa ngabangengobabingeleli.” Waza wathi ke kubo: “UMhla woPhumlo lo wabakho ngenxa yomntu, asinguye umntu owabakho ngenxa yawo. Ngoko ke uNyana woLuntu uyiNkosi yawo noMhla woPhumlo.”
  • Ke kaloku uMosis wahlala apho iintsuku ezingamashumi amane engatyi engaseli. Amazwi omnqophiso wawabhala apho emacwecweni, oko kukuthi imithetho elishumi.
  • Xa babesitya uYesu wathatha isonka, wabulela, wasiqhekeza, wabanika abafundi bakhe, wathi: “Thathani nitye; ngumzimba wam lo.”

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kuba kweli dabi lethu asilwi nabantu, kodwa silwa nemimoya ekhohlakeleyo esesibhakabhakeni, izilawuli, nabasemagunyeni, kunye nemimoya engcolileyo yeli phakade lobumnyama.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Mandikubonge ngomxhelo wam wonke, Ndikhoyo,
ndibalise ngayo yonke imimangaliso oyenzileyo.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela