- Lowo uzinikelayo kuNyana kaThixo akagwetywa; kodwa lowo ungazinikeliyo selegwetyiwe, kuba engakholwa kuNyana kaThixo okuphela kwakhe.
- Lifikile ngoku ixesha. Luthwasile ulawulo lukaThixo. Guqukani, nikholwe kuzo ezi ndaba zimnandi.
- UPawulos wabachazela wathi: “Ubhaptizo lukaYohane lona lwalusalatha inguquko. Yena wayebaxelela abantu ukuba bazinikele kulowo wayesiza emva kwakhe; nguYesu ke lowo.”
- Abantu abaninzi balwamkela olu daba, baza babhaptizwa. Baba ngamawaka amathathu abantu abongezelelwayo enanini labo.
- Ziphephe iinkanuko zobutsha; phuthuma ukulungisa, ukholo, uthando, noxolo, umanyene nabo bonke abayinqula ngokunyaniseka iNkosi.
- Ewe, unalo ukholo ngokwaneleyo, ngangokude ukholwe ukuba ukho uThixo, yaye mnye. Uyalungisa kanye ngaloo nto! Kodwa ke neendimoni zinalo ukholo olukwanjalo phofu; lude luzinkwantyise kunjalonje.
- Ngoko ke hlalani niqulile. Bhinqani ngenyaniso; ninxibe ubulungisa ukukhusela isifuba. Ezinyaweni nxibani inkuthalo yokuhlala nichophele ukuvakalisa iindaba ezimnandi zoxolo. Ngamaxesha onke ukukholwa makube likhaka lenu; ngokholo noba nako ukuzicima zonke iintolo ezivuthayo zikaSathana.
- Zivavanyeni niziqonde ukuba ningamakholwa ngenene na. Khanizicikide. Ngokuqinisekileyo niyaqonda ukuba uYesu Krestu ukho kuni – ngaphandle kokuba ngaba noyisakele.
- Ngoko ke masizishiye iimfundiso zabaqalayo, siqhubele phambili kwezo zamakholwa akhulileyo. Masingabi saphindela emva, sibeka iziseko zokukholwa kuThixo, nenguquko kwimisebenzi ephuthileyo esasiyenza, sifundisa ngobhaptizo, nokubekwa kwezandla, ngokuvuka kwabafileyo, nomgwebo ongunaphakade.
- Bâthetha ngaye bonke abashumayeli besithi wonke umntu ozinikelayo kuye uxolelwa izono zakhe ngamandla egama lakhe.
Izihloko ezinxulumeneyo
UYesu
Ondele kubo, uYesu wathi...
Usindiso
Usindiso lufumaneka ngaye kuphela...
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Thembela
Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho...
Ubomi
NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek'...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Amandla akhe amtsho angafikeleleki;usulungekile, ebalasele ngobulungisa;
akukho bani amcinezelayo.
Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Waphendula ke esithi:“Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe,
ade angavakalelwa ngowakhe umntwana?
Noba ke yena angade amlibale,
okokwam ke mna soze ndikufulathele,
kuba igama lakho ndilivambile,
ndilithe tyaba esandleni sam;
iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.”Ivesi elandelayo!
